Home Iindaba Yalelwe ibheyile Inkosikazi etyholwa ngokutshisa ibhasi eGqeberha

Yalelwe ibheyile Inkosikazi etyholwa ngokutshisa ibhasi eGqeberha

Inina elityholwa ngokutshisa ibhasi yakwa Eagle Liner eGqeberha inqatshelwe ibheyile kwinkundla kamantyi yale ndawo ngoMvulo.

UYamkela Mahobe (24), wabanjwa kuGatyane kwinyanga ephelileyo emva kokugrogrisa ngokutshisa ibhasi ngethuba bekubonakala ukuba kukho ukungavisisani ngeselula ngomhla wesibini kuNovemba.

Ujongene netyala lokonakalisa impahla emva kokwenza umonakalo oqikelelwa kwi-R3.2 yezigidi zeerandi ebhasini.

Akukacaci ukuba wakwazi njani ukutshisa ibhasi.

Ngexesha lokuxoxwa kwetyala ngebheyile ngoMvulo, urhulumente ungenise iingxelo ezintathu ezivela kumphandi, umama wakhe, kunye nomakazi wakhe bonke abaqinisekise ukuba usengozini yokubaleka kwaye akanayo idilesi yokuhlala esisigxina.

Umcuphi ukwathe kwingxelo yakhe, umtyholwa naye wamgrogrisa ngokumbulala.

Inkundla ive ukuba emva kokuxelelwa yinkampani yebhasi ngezigrogriso zokutshisa ibhasi, umcuphi wenza amalungiselelo okudibana naye ukuze amnike umnxeba.

Emva kokungafiki kwindawo ebekuvunyelwene ngayo, uMahobe utyhole ngelithi uzakumbulala umcuphi ukuba akawubuyisanga umnxeba wakhe.

Kwiintsuku kamva, uMahobe wabonwa kwividiyo ngomhla we-2 kuNovemba kwindawo yexhwayelo.

Ibingudade wabo uSibongakonke Mahobe owaxelela amapolisa ukuba uMahobe ufikile kwanina kuGatyane apho abanjwe khona.

Nangona kunjalo, kwiingxelo zikanina noninakazi, kuvele ukuba akahlali kuGatyane kwaye uhamba phakathi kweRhawuti, iMpumalanga, neMpuma Koloni.

Udadobawo wathi kwingxelo yakhe efungelweyo uthi uMahobe unengxaki yeziyobisi.

Ityala lihlehliselwe umhla we-2 kweyoMdumba 2024 ukuze kuqhutyekwe nophando.

Exit mobile version
Enable Notifications OK No thanks