Home Ezemidlalo Yilanto kuthwa “Event Colour Party” iBerlin November yalonyaka

    Yilanto kuthwa “Event Colour Party” iBerlin November yalonyaka

    Ithande ukuxaka iBerlin November yalonyaka ka2023.

    Ithande ukuxaka iBerlin November yalonyaka ka2023, sijongile nje kuzakubamanz’i sali kushiyane omamukondla. Ingabe unalo na itikiti lomdyarho wamahashi wodumo nowaziwa ngeBerlin November?

    Lomdyarho kaloku utsala umdla wabakhenkethi, kuquka nooSaziwayo abaphumi’zandla kumabonakude. Kananjalo lomnyadala ungaka, uzakube ubhiyozela iminyaka elishumi(10) wasekwa ngokusesikweni, kwaye kulindeleke ukuba ubunewu-newu bubengaphaya kwesiqhelo kwaye uphucule noqoqosho lwePhondo leMpuma Koloni.

    Kulindeleke ukuba kubekho iimvumi ezifaka nooNkosazana Daughter; Jezel Brothers;Vusi  Nova; Lameez; Somizi Mhlongo kunye nonzi abanye ingabePhondo leMpuma Koloni.Lomdyarho kaloku utsala umdla kwabezokhenketho, abo baqheke ukuza kunye nabatsha. IBerlin November ithanda ukukhuthaza uluntu ukuba lusebenzise amakhasi abo ezonxibelelwano ukuqinisekisa ukuba iingcombolo ezipheleleyo ngalendumezulu uyazifumana ngobunjalo bazo.

    Ngomhla we(25 November 2023) kuzakwaziwana kwibala lomdyarho wamahashi eBerlin kulenyanga kaNovember ungaphoswa!!!

    Exit mobile version
    Enable Notifications OK No thanks