Home Iindaba Yiminyaka iyi25 elwela isazisi(ID) sakhe kodwa nkqi uba kulunge

    Yiminyaka iyi25 elwela isazisi(ID) sakhe kodwa nkqi uba kulunge

    Yiminyaka engamashumi amabini anesihlanu(25) ngoku uLuthando Balasana elwela ilungelo lakhe lokufumana isasizi(ID) esisiso, nesisesakhe kweli loMzantsi Afrika.

    Kwiintsuku ezimbalwa ezidlulileyo sikrwecwe lusapho lakwaBalasane, lungxunguphele emva kokuba bebesuka e(Home Affairs) ngelinge lokulungisa ingxubakaxaka yesazisi somtakwabo uLuthando kodwa oko kwaphanza. Ngokwengxelo yosapho, uLuthando Balasana wenza iID yakhe ngonyaka ka1998 esikolweni awayefunda kuso ngeloxesha kuba kwakufike amagosa kaRhulumente encedisa ukwenza izicelo. Ukanti kuvakala ukuba nomzala kaLuthando, nogama linguThembelani Balasana nomdala kuthembinkosi owazalwa ngo1980 naye wenza esakhe isaziso ngaxesha linye kwesisithili.

    Emva kwexeshana, zaye zafika izazisi kodwa kwafika ekaLuthando inobuso bukaThembelani. Luthi usapho uThembelani wacela ukuyigcina ukuze kwiveki elandelayo ayokuyitshintsha kunye nabantu abadala. Oko ke akuzange kube kuyenzeka de uThembelani wemka neID kaLuthando eyokuphangela ngayo.

    ULuthando uwenzile amatile-tile ukwenza enye iID ekhatshwa nguMzali wakhe kodwa akaphumelela. Kuthe emva kweminyaka emibini, wayifumana iID eyiyiyo kodwa ayakwazi ukusebenza kuba kuvela eyokuqala neyakhutshwayo.

    Ukuzothi ga ngoku uLuthando akakwazi ukuphangela, akangeni nakowiphi umbutho ngenxa yalemeko akuyo. Okubi kukuba uThembelani noneID yakhe, wenze entsha(card) ngoku neyenza kubenzima ngakumbi ukuba ancedakale uLuthando.

    Amagosa kaRhulumente eHome Affairs oyisakele ukulinceda olusapho noluzincame lwade lwayokuvula netyala emapoliseni kodwa akukenziwanto.

    Ixhala kukuba uLuthando angazibulala kwaye noMama weXhoba mdala ngeminyaka.

    Exit mobile version
    Enable Notifications OK No thanks