Igosa elithe laseka igqiza elizakuphanda ngokubhubha kwabantu abatsha abangamashumi amabini ananye (21) kwithaveni yaseNyobeni lithe lenze isindululo kuMphathi wezoTshutshiso sokuba abanini bethaveni, uVuyokazi noSiyakhangela Ndevu, bekunye nobhunti wabo uThembisa Diko babekwe ityala lokubulala ngokungenhloso.
Oku kudizwe kwinkundla kamantyi yaseMdantsane ngoLwesibini umhla wamashumi amabini anesithathu (23) kweyeKhala, ngethuba kuqhutywa uphando ngeshwangusha laseScenery Park.
UBrigadiya Mxolisi Mqotyana uthe wasihlola esi sakhiwo wafumanisa ukuba kukho ulwaphulo-mthetho olungenankathalo nanjengoko esi sakhiwo singenacango zimbini ekungeneka kuyo kwaye singenandawo yokungena umoya ezantsi. Oku kwakuphambi kokuba afumanise ukuba esi sigqeba satshintshwa ngaphandle kwemvume yeBhodi yoTywala eMpuma Koloni ngo2020.
Uqhube wathi i-bouncer ibingakhathali ngokusebenzisa ipepile yokutshiza kwigumbi elixinana ngamakhulu-khulu abathengi kunye nokungangeni komoya kakuhle. Isitshizi sepepile kwakutyholwa ukuba sasilawula abathengi abangaphakathi kwithaveni exineneyo.
UMqotyana uthi uDiko uqale wakhanyela ukuba ukhe wasebenzisa ipepile, nangona abathengi besithi ngaxa lithile ebusuku baye bafuthaniseleka babaleka besiya kumantla esakhiwo ukuze bafumane umoya, nanjengoko bezimbini kuphela iifestile ezincinci kumgangatho ophantsi.
Kwingqwalasela athe wayenza kumfanekiso weCCTV, uMqotyana uthe ubone umthengi engcolisa ikhamera malunga nemizuzu elishumi elinesihlanu phambi kokuba kuwiswe umntu wokuqala ngo-02:15 kusasa. Kungekudala emva koko wabona amadoda ephanga iimpahla kunye nezinye izinto kwimizimba yabafi.
“Kunyanzeleke ukuba sivule elinye ityala lobusela, kwabanjwa amadoda amahlanu, kodwa sakwazi ukuqiniseka ukuba yayingoosomathuba ababengenasandla ekubulaweni kwamaxhoba angamashumi amabini ananye.”uqhube washo kwingxelo nabeendaba zeAlgoa.
Xa igosa lifika kwindawo yexhwayelo ngomhla wamashumi amabini anesithandathu (26) kweyeSilimela ngo2022, lathi lafumana izidumbu ziqungquluze kwindawo enemigangatho emibini yethaveni nogwebu luphuma ngeempumlo zemizimba yababhubhileyo.
Umakazi womnye wababhubhileyo, uNtombizonke Mngangala uthe kwiAlgoa akonelisekanga kukuba ipepile yokutshiza inokubangela ukuba amaxhoba aphume amagwebu ngeempumlo, nokuba belixinana kangakanani na igumbi.
“Uqinisekise ukuba bonke abantwana bebenamagwebu, xa uthetha ngokwenzakala emzimbeni akakwazi ukuthi khange atsho ukuba khange benze nto nanjengoko ibingabanye abantwana abatsibe ukusuka kumgangatho ophezulu besiya phantsi. Oku kuthetha ukuba kusekho izikhewu malunga nophando lwabo. ”
NgoMvulo ngethuba kuqala olu phando, ipolisa elizinze eScenery Park lithathe inyathelo, likwathi zange basifumane sikhalazo malunga nale thaveni nangona uluntu lubambe iintlanganiso kwiinyanga ezininzi phambi kwesi sehlo becela ukuba kungenelele kwabasemagunyeni.
Ingqina lesibini linenekazi elineminyaka engamashumi amabini anesine (24) ubudala, uEsona Bobani, nothe wazama ukusindisa intwazana awayeyifumene ilele ngaphandle kwale taveni. Emva kwexesha wafumanisa koonesi ngethuba emthutha emsa kwikliniki yase-Empilweni ukuba uKungentando Nzima wayesele engasekho.
Kusenjalo, uBrigadiya uMqotyana uthe ngentsimbi yeshumi elinanye ngosuku lwesehlo bancedise inenekazi elimalunga neshumi elinesibhozo leminyaka ubudala elalidinga uncedo olukhawulezileyo.
“Wayeneentlungu esiswini nasemilenzeni, engakwazi nokuhamba. Besimbalekisela esibhedlele ngenqwelo yezigulana xa kwafowuna i-paramedic esithi ubhubhele endleleni.”
Usuku lokugqibela lomqukumbelo wokuqala wophando lungoLwesithathu, kwaye kulindeleke ukuba amangqina angaphezu kwamashumi amathathu (-30 ) anike ubungqina.
