Home Iingozi zendlela Kubhubhe abanantu abahlanu(5) kwingozi yemoto eGqeberha

Kubhubhe abanantu abahlanu(5) kwingozi yemoto eGqeberha

Bahlanu-(5)bebonke abantu ababhubhileyo logama ababini (2)befumene ukonzakala emveni kokuba iimoto ezimbini zingquzulene kuhola wendlela uM4 eGqeberha.

Izithuthi ezibini zohlobo lweSUV, ngobusuku baphezolo(31/10),ziye zabandakanyeka engozini emasikizi kuhola wendlela uM4 ukusuka eSummerstrand ukuya kuN2 Freeway eGqeberha.

I-Captiva SUV enabantu abane, umqhubi oyindoda omdala nabantwana bakhe ababini abebesuka eSummerstrand besingise ngakwindlela uN2, kunye neNissan Qashqai enabantu abangooMama abasele bekhulile, ibisuka kwicala lika-N2 elisingise kwicala laseSummerstrand.

Bonke abakhweli abane kwiQashqai, babhubhele kwindawo yexhwayelo, kunye nomqhubi oyindoda we-Chevrolet Captiva.

Ukanti abonzakeleyo bebephuma kwiCaptiva ekukholelwa ukuba ngabantwana bomqhubi oyindoda lo uthe wasweleka, bona ke babalekiselwe kwisibhedlele saseLivingston ukuze bafumane uxilongo noncedo lokuqala.

Oyena nobangela wale ngozi awukaziwa okwangoku.

Idokethi lokubulala ngokungena njongo livuliwe eMount Road Saps ukuze kuphandwe ngokwenzekileyo.

Exit mobile version
Enable Notifications OK No thanks