By Sophumelela Singqota
Umrhanelwa oyindoda ubanjwe eWillowvale ngobusuku bangoLwesibini, umhla weshumi elinesibini (12) kweyeNkanga ku-2025, ngokuba nompu ongekho mthethweni kunye neembumbulu.
Amapolisa afumene ulwazi ngendoda ephethe umpu kwindawo yaseNokatana, kwingingqi yolawulo lwaseQhakazana malunga nentsimbi yesibhozo ebusuku ngoLwesibini. Basebenze, bebambisene namanye amapolisa baza baqhubela phambili ukuya kuloo ndawo belandela ulwazi.
Ezinzulwini zobusuku ngo 22:05, iqela laya endlwini yomrhanelwa. Emva kokuba befumene imvume yokugqogqa bafumene umpu wohlobo lwe-9mm kwaye umrhanelwa khange akwazi ukukhupha impepha mvume zompu. Wabanjwa ngoko nangoko aza amapolisa ohlutha umpu kunye neembumbulu.
Umpu uya kuthunyelwa kuvavanyo lokujonga ukuba ingaba uyabandakanyeka na kwezinye izenzo zolwaphulo-mthetho.
Umrhanelwa uvele kwinkundla kamantyi yaseWillowvale ngoLwesine, umhla weshumi elinesithathu (13) kweyeNkanga ku 2025, ngezityholo zokuba nompu ongekho mthethweni kunye nokuba nembumbulu ngokungekho mthethweni.
