By Nyameka Lamani
UMasipala waseMbhashe uza kubamba iseshoni yokufundisa ngobuqhetseba norhwaphilizo ngomhla weshumi elinesithathu(13) kweyeNkanga 2025, eDutywa Council Chambers.
Le seshoni iza kuqhutywa licandelo lophando lolwaphulo-mthetho oluphambili(DPCI),necandelo lokhuseleko loluntu eMzantsi Afrika(PPSA) kunye nombutho worhulumente basekuhlaleni eMzantsi Afrika (SALGA), apho bazakunikela khona ngolwazi malunga nemingcipheko kunye neendlela zokulwa ubuqhetseba norhwaphilizo.
Oku kwenziwa njengenxalenye yesicwangciso sokuziswa kweenkonzo kunye nesicwangciso sokuphunyezwa kohlahlo-lwabiwo-mali (SDBIP)kaMasipala wonyaka-mali ka-2025/2026.
