Home Uncategorized Abafundi baseMonti babonise iimpawu zohlaselwa luloyiko emva kweendudumo ezinzima.

    Abafundi baseMonti babonise iimpawu zohlaselwa luloyiko emva kweendudumo ezinzima.

    Abafundi bezikolo ezimbini zamabanga aphakamileyo kumasipala ombaxa weBuffalo City ziye zahlaselwa luloyiko nokubaphakuphaku.

    NgoMvulo abafundi besikolo samabanga aphakamileyo i-Unathi eMonti bafe isiqaqa bebonakalisa iimpawu zokuhlaselwa luloyiko, zokuxhuzula, nokubaphakuphaku ngexesha leendudumo ezingamandla izolo, umhla wamashumi amabini anesibini kuTshazimpuzi 2024. 

    Kwiveki ephelileyo, abafundi besikolo esiphakamileyo i-Science College basiwe kwisibhedlele saseFrere emva kokubonakalisa iimpawu ezifanayo.

    Isithethi sesebe lezemfundo eMpuma Koloni, uMalibongwe Mtima, uthi baye babonelela ngenkxaso kunye neenkonzo zolwaluleko lwengqondo nentlalontle ukuncedisa abafundi abafe isiqaqa.

    Isithethi seSebe lezeMpilo, uSizwe Kupelo, uthi ngabafundi abangamashumi amabini abangeniswe esibhedlele.Uthi babonakalise iimpawu zoloyiko nokubaphaku-phaku kodwa abongikai bathe akhomonakalo mkhulu, abanye basiwe kumaziko ezempilo abucala.

    Idolophu yaseMonti igagane nesichotho nezantyalantyala zemvula ezibangele izandyondyo zezikhukula kwiindlela ezithile.

    Ezi siganeko sehle kwezizikolo zimbini, sichazwe ngokuba yi-Mass Hysteria ngolwimi lwasemzini.

    Iingcali zengqondo zibhekisa kule nto njenge-”Mass Psychogenic Illness” apho iintlobo zeempawu zinokusasazeka phakathi kweqela labantu.

    Ngokutsho kukagqirha wengqondo waseBritani, uSimon Wessely, i-Mass Hysteria iquka iziqendu zokuxhalaba kakhulu, okwenzeka ikakhulu kubantwana besikolo.

    Exit mobile version
    Enable Notifications OK No thanks