Abanye abarhanelwa ababini ababanjiweyo ngembubhiso yaseLusikisiki bazakuvela okokuqala enkundleni ngentsasa yanamhlanje. Bafunyenwe benemipu ekukholelwa ukuba yayisetyenziswa kule ndyikityha yokufa.
Bebonke, abarhanelwa abasixhenxe (7) babanjiwe ngokubulala abantu abalishumi elinesibhozo (18). Abanye sele bevele enkundleni. Ababini kwabarhanelwa bakhululwa ngengqawule ngaphambili.