By Abongile Ndovela
Amaxhwele amabini agwetywe iminyaka elishumi entolongweni ngokuqhatha indoda ngokuyithembisa ngokuyinyusela imali yomhlalaphantsi.
UKiseka Rashid oneminyaka engamashumi amane anesithandathu (46), kunye noTony Lubenga oneminyaka engamashumi amathathu nesine (34) ubudala, bagwetywe yinkundla yengingqi yaseMonti kutsha nje ngezityholo zobuqhophololo kunye nokwaphula umthetho wongabina zimpepha zokuba kwelilizwe.
ICandelo loPhando loLwaphulo-mthetho oluPhambili (eyaziwa ngokuba ziiHawks) lithi uRashid noLubenga babanjwe liqela loPhando lobugebenga boRhwebo eMonti ngomhla weshumi elinesibhozo kweyoKwindla ngo-2021.
“Ngomhla wokuqala (01) kweyeKhala ka-2019, ummangali waya kwixhwele elikule dolophu yaseMonti nalapho lathathwa lasiwa kwigumbi loxelengo laze ladibana nomtyholwa owazazisa ngokuba bangamaxhwele,” sicacise satsho isithethi sooKhetshe uWarrant-Officer Ndiphiwe Mhlakuvana.
“Ebudeni bothethwa-thethwano, ummangali wenziwa ukuba akholelwe ukuba uthetha nezinyanya zakhe. Emva koko, naye waphenjelelwa ukuba arhoxe emsebenzini ukuze afumane yonke imali yakhe yomhlalaphantsi, wayeka ngokwenene.”
UMhlakuvana uthi emva kokurhoxa kwakhe emsebenzini wayalelwa ngomnye wabatyholwa ukuba ayikhuphe yonke imali yakhe yomhlalaphantsi ayise kubo ngesithembiso sokuba iza kuphindaphindeka kanintsi.
“Ummangali uwulandele ngenene umyalelo ngenxa yoko wafumana imali engange-R3 yezigidi zeerandi. Lo mba uye waxelwa kooKhetshe ukuze bawuphande.”
OoKhetshe bathi abarhanelwa kudala belindele amabanjwa axoxwayo ukusukela oko babanjiwa.
“Abatyholwa baye bavela izihlandlo ezininzi ezinkundleni de bagwetywa ngumantyi waseMonti iminyaka elishumi (10) kunye neenyanga ezintathu entolongweni ngenxa yokwaphula umthetho woba kwelilizwe ngaphandle kwemvume.”
By Abongile Ndovela

