Ngomhla wamashumi amabini anesihlanu(25 December 2022) kwinyanga kaDecember kuzakube kukho (iKids Festival) nezakube ibanjelwe kwindawo yase(Peddie Resource Centre) engakwi bala lebhola kwilokishi yaseNgqushwa. Iingcango zizakuvulwa ngentsimbi yethoba(9am) kusasa ze umsitho wabantwana uqale emva kwentsimbi yeshumi okanye ngeyeshumi elinanye kwakusasa njalo, ze zivalwe ngentsimbi yesihlanu malanga ukwenzela ukuba abantwana bafike kwangethuba emakhaya.
Abantwana abanonyaka(1) ukuya kwiminyaka emithathu(3) ubudala bayakungena mahala. Ukuqala kwiminyaka emine(4) uyokutsho kwishumi elinesihlanu(15) bazakungena ngeR30 kuphela ze abazali ibeyi R40.
Xa uphethe iCooler box uyibhatalela iR20 ze Braaing stand uyibhatalele iR10
Lo msitho uzakube usenziwa ngumfana nogama linguNtobeko Nkume oneminyaka engamashumi amathathu anesibini(32) ubudala, noyinzalelwane yaseNgqushwa kwiLokishi ebizwa ngokuba yiPeddie Extention. UMnumzana uNkume nowayesebenze kakhulu kwicandelo le(Marketing) kwiiNkampani ezohlukileyo kodwa okwa ngoku usebenzela uMTN.
Ukwane Nkampani awayisungulayo ebizwa ngokuba yiNtondo Events, esithi igama lika Ntondo lisuka kuNtobeko, gama elo waliphiwa komnye wonomathotholo awayekhe waxelenga kuwo, wagqiba ekubeni athiye le Nkampani ngo Ntondo Events, nalapho besenza izinto ezininzi ezifana nokuququzelela imisitho, babenazo nee nkonzo ezikhuthaza uluntu kwakunye nee voice overs.
UNtobeko uye wadandalazisa ukuba wayenayo eminye imisitho awayeyenza efana nee June 16 nalapho wayedibanisa khona ulutsha lwase Lokishini kwindawo ahlala kuyo, wanalo nephulo lokunikezela iziqhusheki zangaphantsi ebantwini abasebatsha. Uthi unobangela wokuba abambe lo msitho kulendawo yase Lokishini kungokuba abantwana bagcwalisa eDolophini kuba zingekho izinto zikubonwabisa kwiindawo abahlala kuzo, kufumaniseke ukuba abanye baphela besela bengabuyi kwamawabo.
Konke oku kuzakwenzeka ePeddie Resource Centre ecaleni kwe Bala le Bhola. Kuzakube kukho ii Jumping castle’s, Water slides, Face painting nayo yonke nje imidlalo yokonwabisa abantwana kwaye bazakubanazo nee Pasile.
UNkume uqhube ngelithi iinjongo zakhe kwiNkampani yakhe kukuba kuncedakale abantu abangathathi ntweni nalapho afuna ukuzama ukubeka into eTafileni kuMzi ongenanto, ingakumbi nakwi Mizi engenasibonelelo semali ka Rhulumente, kwakunye nokunceda iqela le Bhola apho loyisakala khona umzekelo ukunikezela iiKiti, aphuhlise nabantu egameni lika Ntondo Events.
LokaNkume uqwele ngelithi iminqweno yakhe kukuphuhlisa ingakumbi ulutsha khon’ukuze liziguzule kwiziyobisi.
Ingxelo:Zintle Madikane
