Abarhanelwa abahlanu abatyholwa ngelinge lokubulala uceba wakwaWadi 4 kumasipala weDA, uJaques Alexander, bavele ngokufutshane kwinkundla kamantyi yaseHumansdorp ngomhla weshumi elinesithoba kuTshazimpuzi, ityala lihlehliselwe umhla wamashumi amabini anesihlanu kuTshazimpuzi, ukuze bafake isicelo sebheyile.
Isithethi samapolisa, uColonel Priscilla Naidu, uthi uAlexander wadutyulwa ngabarhanelwa ababini ngethuba emisa isithuthi sakhe phambi kwesakhiwo esikhulu sikaMasipala waseKouga kwindlela iDa Gama, eJeffreys Bay, ngomhla wamashumi amabini anesithoba kweyoMdumba.
Abarhanelwa ababini babanjwa ngokukhawuleza ngamapolisa, kwaye ababini babanjwa kungekudala emva koko.
Abarhanelwa abane nguMthumzi Lani, uLutho Mbatha, uLuciano Jacobs, noAthenkosi Gidane.
UNaidu uthe omnye umrhanelwa, uAndy Davids, wabanjwa ngomhla wamashumi amabini anesine kweyeNkwindla.
Emva koko uDavids wavela kwiNkundla kaMantyi yaseHumansdorp ngomhla wamashumi amabini anesithandathu kuMatshi, umhla wesithoba kuTshazimpuzi, waze waphinda wavela ngomhla weshumi elinethoba kuTshazimpuzi, ekunye nabo wayetyholwa nabo.
Isithethi seGunyabantu lezoTshutshiso (NPA) uLuxolo Tyali, ungqinile ukuba bobahlanu abarhanelwa batyholwa ngokuzama ukubulala nokubiwa kwemoto.
Uqhube wathi ngethuba bevele enkundleni ngomhla weshumi elinesithoba kwinyanga kaTshazimpuzi, ityala lihlehliselwe umhla wamashumi amabini anesihlanu kuTshazimpuzi, ukuze bafake isicelo sebheyile.
Nangona uLani, uMbatha, uJacobs, noGidane beqale basityeshela isicelo sabo sebheyile, ngethuba bevele enkundleni ngomhla wesibhozo kuMatshi, uTyali uthe, “Abarhanelwa basaligodla ilungelo labo lokufaka isicelo sebheyile, ukuba banokugqiba.”