Home Uncategorized Izidumbu zabantu zisagcwalise amaziko karhulumente.

    Izidumbu zabantu zisagcwalise amaziko karhulumente.

    Umphathiswa wezempilo uGqirha Joe Phaahla uthi zingaphezulu kwamawaka amabini (2000) izidumbu ezingekathathwa kumaziko karhulumente kwilizwe jikelele.

    Umphathiswa wezempilo uGqirha Joe Phaahla uthi zingaphezulu kumawaka amabini (2000) izidumbu ezingekathathwa kumaziko karhulumente kwilizwe jikelele.

    UPhaahla utsho oku ngelixa ebephendula umbuzo wasepalamente. Uthe iKwaZulu-Natal inelona nani liphezulu lezidumbu ezingekathathwa.

    UMlawuli oyiNtloko weeNkonzo zeZibhedlele kwiSebe lezeMpilo, uGqirha Relebohile Ncha, uthi ukuchongwa kwezidumbu kuthatha ixesha ngaphambi kokuba zingcwatywe njengamahlwempu.

    UNcha uthi, “Inokusuka malunga neentsuku ezisixhenxe (7) ukuya kunyaka okanye ukuze imizimba ishiyeke apho kwaye ndicinga ukuba esona sizathu sikukuba kwinkqubo yochongo esizama ukuyilandela, ithatha ixesha kuba. Kufuneka sibandakanye abeSAPS, apho bazama ukusinceda ngeminwe. Ke loo nkqubo yokuzama ukubachonga phambi kokuba sibathathe njengabangcwabi bamahlwempu iba lixesha elide lokuchongwa okwenzekayo.”

    By: Anita Qubula

    Exit mobile version
    Enable Notifications OK No thanks