Home Uncategorized Ukhethe ukuzibulala kunokuba angcungcuthekiswe ngooTitshala abathile ngenxa yobizo lwakhe.

    Ukhethe ukuzibulala kunokuba angcungcuthekiswe ngooTitshala abathile ngenxa yobizo lwakhe.

    UMFUNDI KA GRADE 9 (girl 13yrs old) EXOLANI SSS EZWELITSHA NGASE QONCE UTHATHE ISIGQIBO SOKUTHATHA UBOMI BAKHE NGENXA YOKUNGAMKELEKI KOBIZO LWAKHE LWESINTU:

    Nangona ikhaya limchaze nje ngomzali uPrincipal wesikolo saseXolani umnumzana Mkalali, kunye neetishala ezithile kwesisikolo, kodwa ke kwenzekile.

    UPrincipal waseXolani SSS uthe akuphawula ubizo lobuGqirha kolusana, walibiza waliqinisekisa ngenkxaso yakhe njengeNqununu kwakunye nesikolo sonke. Ikhaya lihambisa lithi leNqununu yade yakhulula nakulonomji wezinto eziye zinxitywe mhlawumbi ezifana nentambo nezinye, wathi uNqununu makanxibe xa zimphilisa ezonto lomntana aze esikolweni. SIMQHWABELA IZANDLA LOMFO KA MKALALI makwande kuye nakotishala asebenza nabo.

     

    Nangona ezindaba zisivisa kamnandi nje, ikhaya lihambise ngelithi kukho utishala oyindoda nomnye utishalakazi abathe bamhlukumeza kakhulu lomntana kwaye besithi lixoki elingenantwaso qha lilinganisa lanto ibikhe yenzeka eBisho High School ngoNovember wonyaka ophelileyo 2021.

    Ikhaya lonzakele yolento, phofu ke mhlawumbi otishala aba bebethetha lento banezabo izizathu kodwa noko ngebengawakhuphanga amazwi arhabaxa ngoluhlobo emntaneni nakumama wakhe.

    Zihlobo zam ndiyavuma kona ithe yaxhaphaka into yokuthwasa kwabantwana besikolo, kodwa kufuneka indlela yokuyihoya, le yokukhubekisa abantwana ayamkelekanga kwaye singazibhaqa singcwaba mihla le.

    Ndiyavuma, kwaye ndiyayiphinda lento: oTishala nabasebenzi beSebe leMfundo abanaso  isakhono sokumelana nabantwama abanengulo emhlophe okanye abathwasayo. Kodwa iSebe lemfundo malikhwebe intlanganiso nalapho kuzakuboniswana khona ngendlela yokuqobisana nalemeko sijongene nayo sili Phondo leMpuma Koloni, mhlawumbi nakwamanye amaPhondo. 

    Mhlawumbi ke, njengoba sikhuthaza ukubakho kwe Polisa elijongene nesikolo ngasinye, Nurse, Nontlalontle njalo njalo, kuzakufuneka imibutho yamaGqira nayo ngoku ingenelele ezikolweni ukuze isikolo ngasinye sibene Gqira laso if inkolo kantu siyixabisile.

    Ubukho beGqira kwisikolo ngasinye izakunceda ukunika iingcebiso xa kukho isidingo sokwenza oko.

    BANGENAPHI KE NGOKU OTISHALA BONA KULENTO? Umntana ushiye umbhalo ku Facebook, nam ndiwubonile so asindim otshoyo, kutsho u Anothando Willie ongasekhoyo nothe watya ityhefu wabe uyasandulela, umka esithi kuthiwa unomoya weDEMONI.

    Uyabekwa umntana Saturday 02nd April 2022, umzimba ufika kusasa ngo 08h00 kwaye nangona ebehlala e Zwelitsha, kuzakusetyenzelwa e Sweetwater kwalapha e Qonce kufutshane ne Zwelitsha. Kuzakuqhutyelwa eHolweni yoluntu wonke umsebenzi womntana. 

    Menze aphumle ngonaphakade Nkosi uAnothando Willie, umkhanyisele ngokhanyiso olungacimiyo. 

     

    Enkosi 

    PETROS MAJOLA from Khula Community Dev Project EC. 

    29th March 2022

    Exit mobile version
    Enable Notifications OK No thanks