Home Uncategorized Umntu omnye uswelekile ngelixa abanye abali-14 befumana umonzakalo kwingozi yemoto ebandakanya i-mini...

    Umntu omnye uswelekile ngelixa abanye abali-14 befumana umonzakalo kwingozi yemoto ebandakanya i-mini bus, ilori kunye neveni.

    Kutyholwa ukuba i-mini bus ibihamba isiya e-matatiele kuhola we-R56, kwaye inqwelo-mafutha emva kwayo. Iloli iye yayogqitha le midi-bus yangqubana ngqo neveni yohlobo lweToyota ebivela ngaseMatatiele.

    Ibhasi nayo yabetha kwilori. Kwakukho abakhweli abangama-31 kwi-midi-bus,
    Abantu abayi-13 bathuthelwe kwisibhedlele saseTaylor Bequest benomonzakalo omkhulu. KwiToyota Bakkie bekukho abantu abathathu, umqhubi nabakhweli ababini. Umqhubi ubhengezwe njengoswelekile kwindawo yexhwayelo, omnye umkhweli wonzakele kancinane kwaye omnye wonzakele kakhulu.

    Ukanti othethela isebe lezothutho kwiphondo leMpuma Koloni u-Unathi Bhinqose uthi ukuqhuba ngoku ngenankathalo kungunobangela wengozi ezininzi kweli.

    Ukanti uphando lusaqhuba mayelana nesisehlo kwaye akukabanjwa mntu ukuzakuthi ga ngoku.

    Nonele Nkothana
    09-Canzibe

    Exit mobile version
    Enable Notifications OK No thanks