Uluntu lwasemaphandleni eMpuma Koloni longeze amazwi alo kwizibhengezo ezikhulayo zokuba abemi bamanye amazwe abangenazo iimpepha mvume baphume kweli lizwe.
Bathi inani labemi bamanye amazwe ngoku lingena kwiidolophu nakwiilali zasemaphandleni.
Olu luntu lukwabatyhola ngokuthatha imisebenzi ekufuneka inikwe ulutsha lwasekuhlaleni olujongene nezinga eliphezulu lokungasebenzi.
Omnye umhlali athetha nabeendaba ze SABC uthi, “Njengabathengisi, sikhuphisana naba bantu bamanye amazwe. Ingxaki kukuba bathengisa yonke into ngamaxabiso aphantsi kakhulu. Sithenga kubo, kodwa nabo beza bathengise ezitalatweni njengathi.”
Omnye umhlali uthe, kwakwabeendaba ze SABC “Baza kusebenza phi abantu baseMzantsi Afrika? Akukho misebenzi apha. “Baza kutya ntoni ukuba wonke umsebenzi unikwa abantu bamanye amazwe? Umasipala norhulumente bayasityeshela. Andinakuya eNamibia ndithengise ama-apile apho? Luhlobo luni lwelizwe uMzantsi Afrika oluvumela wonke umntu ukuba eze athengise ama-apile? Iphi imithetho yedolophu?”
Amashishini athi urhulumente kufuneka aqinisekise imigaqo-nkqubo yakhe kubantu bamanye amazwe abenza ushishino kweli lizwe.
USihlalo weNational African Federation Chamber of Commerce kummandla we-OR Tambo, uPumelele Madikiza, uthi urhulumente kufuneka aqinisekise ukuba wonke umntu wasemzini ugcinwa eneenkcukacha zakhe kwiindawo zasemaphandleni.
UMadikiza uthi, “Ukuba bekukho umthetho, ndicinga ukuba kukho uMthetho ka-2002, ochaza indlela abantu basemzini abafanele barhwebe ngayo. Uthi umntu wasemzini kufuneka eze notyalo-mali oluncinci lwe-R5 yezigidi. Uthi abantu basemzini akufuneki bathathe inxaxheba kwiindawo zokuhombisa, iivenkile zespaza kunye neevenkile kuba oko kwenzelwe abantu basekuhlaleni, yiloo nto umthetho uthethayo. Ukuba kukho ukuthotyelwa komthetho, kuya kufuneka bonke oomasipala basekuhlaleni kunye noomaspala abambaxa benze imithetho yedolophu ethetha ngaloo mthetho wesizwe.”
SABC News

