IKomishinala yeSithili sase-OR Tambo, uBrigadier Vukile Ntuli, uvakalise ukothuka ngokubulawa kwexhoba eliyindoda elineminyaka engamashumi amathathu anesine (34) ubudala elivela kwindawo yaseMilani. Esi siganeko kuthiwa senzeke ngoMvulo, umhla wamashumi amabini anesihlanu (25) kuCanzibe, malunga necala emva kwentsimbi yethoba (09:30), ebandakanya umnini-sirhoxo oneminyaka engamashumi amathathu (30) ubudala osuka kwindawo yaseLower Ngxaxha, eMaqhubini.
Kuthiwa umnini-srhoxo walanda ixhoba ekhayeni lakhe waza walihlasela ngaphakathi kwethaveni yakhe, kuquka nokulingqubekisa eludongeni, ngenxa yemali engachazwanga yetyala lotywala elingahlawulwanga. Amapolisa abizelwa kwindawo yolwaphulo-mthetho emva kokuba ixhoba liphulukene neengqondo. Kamva labhengezwa njengeliswelekileyo. Umnini-srhoxo uye wabanjwa waza watyholwa ngokubulala. Umele ukuba avele phambi kweNkundla kaMantyi yaseQumbu ngoLwesibini, umhla wamashumi amabini anesithandathu (26) kuCanzibe 2026.
“Yimeko ebuhlungu kakhulu ukuba umntu abulawe ngenxa yokuba enetyala lomntu. Amapolisa makangashiyi litye lingenanto yakwenza nokuzisa ityala elinzima enkundleni yomthetho ukuze kwenziwe ubulungisa,” utshilo uBrigadier Ntuli, njengoko wayevakalisa amazwi akhe ovelwano kusapho nakubahlobo bexhoba.

