Imizimba yamadoda amabini ifunyenwe ngaphakathi kwitanki yokupholisa ubisi kwifama yobisi eHumansdorp, eMpuma Koloni ngoLwesithathu umhla wamashumi amabini (22) kuCanzibe.
Amapolisa abizelwe efama malunga nentsimbi ye-4.29pm kwaye oko bakufumanisileyo kwakufuna umsebenzi wokuhlangula opheleleyo ukuze kusonjululwe.
Iqela lokukhangela nokuhlangula lamapolisa aseMzantsi Afrika isebenze kunye neHumansdorp Emergency Medical Services, i-EMS Training kunye neHumansdorp Fire Rescue ukufumana lemizimba. Basebenzise inkqubo yentambo ukungena ngaphakathi kwitanki.
Itanki yayincinci ngokwaneleyo kangangokuba abahlanguli kwafuneka bakhethe igosa elithile lomsebenzi. UConstable Emilio George wakhethwa ngenxa yomzimba wakhe. Wafakelwa isixhobo sokuphefumla esinentambo ende kwaye wehliswa kwindawo evalekileyo ecaleni kwentonga yokupholisa yetanki.
Omabini lamadoda afunyenwe ejonge phantsi emanzini. Akhutshelwa ngononophelo ngesithuba esincinci aze adluliselwe kwi-EMS, eyathi yawaxela ukuba alandulele eli kwindawo yesiganeko. Amadoda ayeneminyaka engamashumi amabini anesixhenxe (27) kunye wamashumi amahlanu anesine (54) ubudala. Bobabini babengabasebenzi befama.
Isithethi samapolisa uKapteni uMarius McCarthy uqinisekisile ukubhubha kwabantu waza wathi kuvulwe idokethi yophando.
Iimeko ezibangele ukuba la madoda omabini abe ngaphakathi kwitanki azikacaci.

