Limiselwe uMvulo ityala lokudubula lika Man-B

Usomashishini odumileyo kunye nomonwabisi uMlindelwa “Man B” Tyekana uvele kwinkundla kamantyi eKuGompo City ngoLwesihlanu umhl wamashumi amabini anesibini (22) kuCanzibe okokuqala ukwenza isicelo sebheyile kwityala lokudubula inkwenkwana ekwishumi elivisayo leminyaka ubudala.

UTyekana ujongene namatyala okuzama ukubulala, ukuxhwila kunye nokuhlasela ngenjongo yokwenzakalisa umzimba emva kokuba kuthiwa udubule inkwenkwe eneminyaka elishumi elinesithandathu (16) ubudala kunye nokuxhwila omnye umntwana. Ityala lihlehliselwe uMvulo umhla wamashumiamabinianesihlanu(25) kuCanzibe.

UTyekana uvele kunye nabanye abatyholwa naye uSiyasanga Masholoso kunye noDaluxolo Willie.

Aba bathathu babanjwa liqela loLwaphulo-mthetho olunobundlobongela ngomhla weshumi elinesihlanu (15) kuCanzibe baza bagcinwa kwisikhululo samapolisa saseCambridge emva kokuba omnye wamaxhoba ebachongile.

Ixhoba lityhola ukuba la madoda amsukela kunye nabahlobo bakhe abathathu ngaphambi kokuba amxhwile, ambetha kwaye amsongela ngokumbulala.

Ngokutsho kwegosa eliphandayo uSgt Bulelani Mgubo, abafana babekha iigwava ematyholweni ngasemva kwePrestons Liquor outlet eAmalinda, kufutshane neCrewe Primary School, baza baya kuzikhulula kufutshane nomfula.

UTyekana, emi kufutshane nodonga kwisakhiwo sakhe, kuthiwa ubabizile waza wababuza ukuba benzani kwaye bangaphi apho.

UMgubo uthe ixhoba lixelele amapolisa ukuba babaleka kuba omnye wabamangalelwa kunye naye wayenenja ebotshelelwe ngentambo.

Xa aba bafana bahlukanayo, ababini basukelwa yiFord Ranger.

Kuthiwa abamangalelwa babamisa, badubula inkwenkwe kabini esiswini baza banyanzela enye ukuba ingene emotweni.

Kuthiwa ixhoba elixhwiliweyo labuyiselwa emahlathini, apho kuthiwa lahlaselwa khona ngeentonga ezithendeni nasemaqatheni.

UMgubo uxelele inkundla ukuba ixhoba lithe omnye wabamangalelwa wamsongela ukuba, ukuba babengabonwanga befaka inkwenkwe emotweni eWoolwash Road, eAmalinda, ngebabeyibulele baze bayilahle umzimba wayo eBuffalo Pass Road kufutshane neScenery Park.

Kuthiwa ixhoba laqhutywa laya kwindawo yaseGoli ukuze libonise apho inkwenkwe nganye kwezi zine yayihlala khona.

Inkundla ive ukuba umqhubi otyholwa ngexesha lokuleqwa nokubanjwa wayelipolisa elalikhululwe emsebenzini ngenxa yophando lwe-Independent Police Investigative Directorate (Ipid).

Umthombo othembekileyo uxelele i-Dispatch ukuba owayelipolisa wayekhe wabanjwa ngenxa yokudubula isinqanda-mathe sakhe sangaphambili – ityala apho esame kwelokuba akanatyala.

Kusenjalo elityala liye lalibaziseka layokuqala emva kwentsimbi yeshumi elinanye (11:00) kusasa xa amalungu oluntu ebegcwele ngaphane kweNkundla ePhakamileyo ukuza kubukela.

Ijaji echophele ityala iye yamkhalimela umtshutshisi ngokuchitha ixesha ngentsimbi yesithathu (15:00) emva kwemini.

Njengoko inkundla ivala ngentsimbi yesiine (16:00) emva kwemini, isicelo sebheyile sihlehlisiwe ukuya kuMvulo umhla wamashumi amabini anesihlanu (25) kuCanzibe. Abatyholwa abathathu basagcinwe entolongweni.

Ethetha ngaphandle kwenkundla, uThembisa Malgas, umakazi wexhoba elilele esibhedlele, uthe ukhuthazwe yinkxaso yoluntu kunye nesicelo esinamagama angaphezu wamashumi esibhozo (80) acela ukuba ibheyile ingavunyelwa.

UMalgas uthethe egameni lonina womfana, obeekhathazekile kakhulu ukuba angathetha.

“Besifuna ukuba anganikwa ibheyile, kodwa ihlehlisiwe,” utshilo.

“Siziva sibuhlungu kakhulu ngesigqibo sokudubula umntwana wethu.

“Sikwaphila ngoloyiko kuba sivile ukuba bayazi apho sihlala khona.”

USiya Ngcangisa, igosa lonxibelelwano loluntu kwiMan B Entertainment, uthe bagcina izimvo zabo de kugqitywe iinkqubo zomthetho.

“Okwangoku asifuni ukuzibophelela ekuthetheni esidlangalaleni, kuba sivakalelwa kukuba kukho izinto ezithile esifuna ukucacisa kuzo,” utshilo.

“Kungekudala siza kukwazi ukuphawula, kodwa sifuna ukuvumela umthetho ukuba uthathe indawo yawo.”

Daily Dispatch

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
light rain
14.6 ° C
14.6 °
14.6 °
90 %
0.4kmh
70 %
Fri
14 °
Sat
19 °
Sun
22 °
Mon
24 °
Tue
22 °

EZITHANDWAYO INDABA