By Lutho Sobhashe
Amadoda amathathu abekwe ityala lokubulala abantu abalishumi elinesibhozo, emveni kokuba besilahlile isicelo sebheyile kwinkundla kamantyi yaseLusikisiki namhlanje.
Omathathu la madoda abekwe ityala lokubulala abantu abalishumi elinesibhozo, emveni kokuba besilahlile isicelo sebheyile kwinkundla kamantyi yaseLusikisiki namhlanje. UAphiwe “AP” Ndende (25), uLwando Antony Abi (33) kunye noBonga Hintsa (31) badibene noSiphosoxolo Myekethe (45) osele wayilahla ibheyile. Bonke bajongene namatyala alishumi elinesibhozo okubulala kunye nelokuba nompu ongenampepha-mvume, iAK47.
Ababini kula madoda, uNende noHintsa babanjwe ePort Shepstone ngelixa u-Abi ebanjwa eMonti ngoLwesithathu umhla we-16 kweyeDwarha ka-2024. UMyekethe wabanjwa ngomhla we-7 kweyeDwarha ka-2024 kwikhaya lakhe eliseMthimde, kwingingqi yaseMamfengwini kwisithili saseLusikisiki.
Ukubanjwa kwabo kuza emva kwesiganeko sokudubula okwenzeka ngomhla wamashumi amabini anesibhozo kweyoMsintsi ngo2024, kwimizi emibini esebumelwaneni kwilali yaseNgobozana kufutshane nedolophu yaseLusikisiki, apho kwabhubha abantu abalishumi elinesibhozo, kwaza konzakala abahlanu.
Ngethuba bevela nje ngokufutshane namhlanje, omathathu la madoda achaza ukuba awasayi kufaka isicelo sebheyile okwangoku. UNende uxelele inkundla ukuba walibaleka ityala lokubulala eliphambi kwenkundla kamantyi yaseFlagstaff sithetha nje. U-Abi uveze ukuba unetyala lokuzama ukubulala ngo-2012 kwaye wathothoza iminyaka esixhenxe. Wagwetywa yinkundla yamatyala eKhayelitsha. UHintsa uxelele inkundla ukuba wayekhe wagwetywa ngaphambili ngenxa yokuba neziyobisi. Wanikwa isigwebo esixhonyiweyo seminyaka emithathu yiNkundla kaMantyi yaseFlagstaff.
Lowo atyholwa kunye nabo, uMyekethe unamatyala amabini angaphambili ngokubaleka elugcinweni olusemthethweni kunye nokubulala. Ityala lihlehliselwe umhla we-26 kuNovemba 2024, ukuze kuqhutyekwe nophando.
Kusenjalo, amadoda amabini abanjwe enemipu emine ekurhaneleka ukuba yasetyenziswa ngexesha lohlaselo lwaseLusikisiki avele kwinkundla kamantyi yaseFlagstaff esebumelwaneni. Bajongene namatyala amane okuba nemipu emithathu yohlobo lwe-AK47 kunye ne-Steyr 243 riffle kwakunye nokuba neembumbulu ezingamashumi asibhozo anesibini. Ityala labo lihlehliselwe uMvulo, umhla wama-21 kweyeDwarha 2024 ukuze bamelwe ngokusemthethweni.

