32.1 C
King William's Town
Monday, December 9, 2024

IZIZALWANE EZIMBINI ENTOLONGWENI NGENXA YOKUBULALA UMMELWANE WABO NGAPHEZU KWETALI LER100.

By Sisanda Chila

Inkundla ephakamileyo yoMzantsi Afrika, kwicandelo leMpuma Koloni, eMonti, igwebe amadoda amabini uLubabalo Lompi Dayimani (27) noNtembeko Dayimani (23) iminyaka elishumi elinesihlanu neminyaka elishumi entolongweni ngokulandelelanayo. Ezi zizalwane zibanjwe ngetyala lokubulala ummelwane wabo uPhelo Fatuse (28), kwakunye nezityholo zokuqhekeza, ukuzama ukubulala, nokuphanga besebenzisa iimeko ezimanyumnyezi.

Olu lwaphulo-mthetho lwenzeka ngomhla we-18 kweyoKwindla ngo-2023 kwindawo yase-Ezizeni Informal Settlement, e-Reeston, ngaseMonti. Le ngxwabangxwaba ibangelwe kukungavisisani ngetyala le-R100 ebelityalwa ngumfi kumama wala madoda mabini.

Ngomhla weshwangusha, la madoda mabini aya kwikhaya likaFatuse ukuya kufuna ukuba ahlawule ityala awayelityala unina, owayeneshishini lokubolekisa ngemali. Bathe xa befika bangena ngenkani bafika kukho uFatuse nentombi yakhe uLindelihle Gcaza (32). Emva kokuba intombazana ichaze ukuba bazakuya edolophini bayokhupha imali, uLubabalo wakhupha imela wahlaba uFatuse.

Uthe xa ezama ukungenelela uGcaza, uLubabalo wamhlaba naye. Xa ephinda ezama ukuphakama uFatuse, uLubabalo waphinda wamhlaba phambi kokuba amthathele amakhadi akhe ebhanki, incwadi yesazisi, kunye neR70 yemali ebebezimisele ukuyisebenzisa ukuya edolophini. ULubabalo wabe sele ebambe imela emqaleni kuGcaza, efuna iPIN yamakhadi ebhanki. UNtembeko ngokomyalelo kabhuti wakhe omdala wahlaba uGcaza emlenzeni wathatha unomyayi netshaja.

Emva kohlaselo, la madoda abaleka, basa ezi zinto bazithathileyo kumama wabo. UFatuse wabhubhela kukwenzakala kwakhe, ebhubhela kwindawo yexhwayelo. Ebudeni betyala, abazalwana abazange bavume. IGqwetha loMbuso uAndile Nohiya ebekhokele ubungqina bukaGcaza, owathi wazibonela ngawakhe ukubulawa kunye nokwenzakala ngexesha lohlaselo, uthe thaca ingxelo yokuhlolwa kwesidumbu, iingxelo eziphuma eluntwini, kwakunye nobungqina obuvela kwiinkonzo zonyango olungxamisekileyo kwakunye namapolisa athe asabela..

ULubabalo ugwetywe iminyaka elishumi elinesihlanu ngokubulala, emithathu ngokuqhekeza, iminyaka elishumi ngokuzama ukubulala, kunye neshumi ngokuphanga esebenzisa iimeko ezimanyumnyezi. Izigwebo zakhe ziyalelwe ukuba ziqhutywe ngaxeshanye. UNtembeko Dayimani ufumene isigwebo seminyaka elishumi ngokubulala, iminyaka emibini ngokuqhekeza, iminyaka esixhenxe ngelokuzama ukubulala, kunye neminyaka esibhozo yokuphanga esebenzisa iimeko ezimanyumnyezi. Izigwebo zakhe nazo ziya kuqhuba ngaxeshanye.

Esamkela esi sigwebo, uMlawuli wezoTshutshiso eMpuma Koloni, uBarry Madolo, ugxininise ukubaluleka kwesigwebo senkundla ekuthobeleni ukuzinikela kwenkqubo yezobulungisa ekubambeni abaphuli-mthetho abanobundlobongela. Uphawule ukuba ulwaphulo-mthetho olubandakanya ubundlobongela obucwangcisiweyo, ngakumbi olo lwenziwa ngexesha lokuqhekezwa kwezindlu, lubeka isoyikiso esimandla kukhuseleko loluntu. “Esi sigwebo sithumela umyalezo oqatha wokuba umthetho awuzukuzinyamezela izenzo zenkohlakalo eziqhutywa kukubawa okanye ukoyikisa,” utshilo uMnu Madolo.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
32.1 ° C
32.1 °
32.1 °
38 %
1.9kmh
3 %
Mon
32 °
Tue
30 °
Wed
30 °
Thu
26 °
Fri
26 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks