UMphathiswa wezeziMali u-Enoch Godongwana uye wabhengeza uHlahlo-lwabiwo-mali luka-2025, egxininisa ukuphucuka koqoqosho ngohlaziyo lwezakhiwo, uphuculo lwentsebenziswano phakathi kukarhulumente namashishini abucala, kunye nokwandiswa kotyalo-mali kwimfundo nokhuseleko loluntu.
Ukukhawulezisa ukukhulisa uqoqosho, kwintetho yakhe umphathiswa uGodongwana uthi urhulumente ugxile kuzinzo loqoqosho olukhulu, uhlaziyo lwezakhiwo, kunye nophuhliso lweziseko ezingundoqo.
“Uqoqosho olukhulu, olukhula ngokukhawuleza luya kusinika indawo yemali eyongezelelekileyo yokuhlangabezana neenjongo zophuhliso,” utshilo uGodongwana.
Inyathelo le-Operation Vulindlela sele liququzelele inkqubela kubonelelo lombane, ulungiselelo, unxibelelwano lwedijithali, kunye nomgangatho wamanzi. Iinzame zexesha elizayo ziya kujolisa kwimpumelelo kamasipala, iziseko ezingundoqo zedijithali, kunye nophuhliso lwedolophu.
Ukususela ngoJuni 2025, imigaqo emitsha yePPP iya kwenza lula iinkqubo zotyalo-mali kwaye ikhuthaze ukuthatha inxaxheba kwecandelo labucala. ISebe lezoThutho noTransnet baza kuvula amathuba otyalo-mali kumacandelo abalulekileyo, aquka oololiwe namazibuko.
“La manyathelo azakwenza ukuba iinkampani zikaRhulumente zilungelelane ngelixa zivula amathuba oqoqosho,” ucacise watsho umphathiswa.
Ukukhawulelana neemfuno zonikezelo lweenkonzo, urhulumente uza kunyusa irhafu yentengo (VAT) ngo-0.5% ngo 2025/26 kunye no-0.5% ngo 2026/27, nto leyo eyenza ireyithi ifikelele kwi 16%. Irhafu yengeniso yomntu ngamnye (Personal Income Tax) kunye neekhredithi zerhafu yonyango (Medical Tax Credit) aziyi kulungelelaniswa nokunyuka kwamaxabiso.
“Sithathele ingqalelo ezinye iindlela, kodwa iVAT iseyeyona ndlela isebenzayo yokuxhasa izinto ezibalulekileyo ngaphandle kokutyhafisa utyalo-mali,” utshilo uGodongwana.
Imfundo iseyeyona nto iphambili ngokubaluleka, kwaye i-R19.1 yeebhiliyoni yabelwe ukugcina ootitshala abali-11,000 kunye ne-R10 yeebhiliyoni ezongezelelweyo ukwandisa inkxaso-mali yoPhuhliso lwaBantwana (ECD). Inkxaso-mali ye-ECD iza kunyuka ukusuka kwi-R17 ukuya kwi-R24 ngomntwana ngosuku, yandise iinkonzo kubantwana abangama-700,000 abangakumbi.
Izibonelelo zezentlalo ziya kunyuka, izibonelelo zabantu abadala kunye nabakhubazekileyo zinyuke ziye kuma-R2,315 kwaye isibonelelo somntwana sinyuke siye kuma-R560. Isibonelelo se-COVID-19 soNcedo lweNtlalo kwiNtlupheko siyandiswa de kube nguMatshi ka-2026.
“Sizibophelele ekuboneleleni ngokhuseleko loluntu ngelixa siqinisekisa uzinzo lwemali,” wagxininisa umphathiswa.
Ngala manyathelo, uHlahlo-lwabiwo-mali lowama-2025 lujolise ekulinganiseni uzinzo lwezoqoqosho nenkxaso yezentlalo, ukuqinisekisa ukukhula nophuhliso lwexesha elide.
