Abemi baseZimbabwe, kuquka amanina, nabantwana, bahlanganisene kwindawo yokumisa izithuthi ngaphandle kweSouth End Fire Station eNelson Mandela Bay ngentsasa yangoLwesithathu umhlawokuqala(1) kweyeKhala, bejikelezwe zizinto zabo njengoko babelinde ukuthunyelwa kwilizwe labo.
Iintsapho zifike zivela kwiindawo ezahlukeneyo zoMasipalaoMbaxa, kuquka iKariega, iMotherwell kunye neWalmer, njengoko ibhasi yokuqala kwezithathu ifikile ukuze iqalise ukuthutha abantu abangamashumi asixhenxe (70) njengenxalenye yenkqubo yokubuyisela abantu ngokuzithandela eqhubekayo.
Abantwana badlale phakathi kweengxowa zemithwalo ngelixa amagosa avela kwi-Embassy yaseZimbabwe kunye neziko lolawulo lweentlekele likamasipala eququzelela ukuhamba.
Ukubuyiselwa kwabantu kuza phakathi kwengxoxo yesizwe ekhulayo kunye noxinzelelo loluntu malunga nokufuduka kwabantu okungabhalwanga kwiincwadi zeli, emva kwemingcelele yakutshanje eMzantsi Afrika eququzelelwe yintshukumo iMarch and March, apho amawaka abantu abaqhankqalazayo bahamba ezitalatweni zezixeko ezifana neDurban, iRhawuti, KuGompo kunye neKapa, becela ukunyanzeliswa okungqongqo kwemithetho yokufuduka kwaye becela abemi bamanye amazwe abangenazo iimpepha mvume ukuba bashiye ilizwe.
Kungenxa yesi sizathu ukuba iinkqubo zokubuyela kwabantu ngokuzithandela ziye zaqiniswa koomasipala abaninzi, kuquka iNelson Mandela Bay.
Umbutho ongenzi nzuzo, iZimbabwean Migrants Support Network, unikezele ngokutya, amanzi kunye nendawo yokuhlala kwiintsapho ezifudukileyo njengoko zilungiselela ukuhamba.
Isithethi uShelton Chiyangwa ukhuthaze abo bahambayo ukuba baqinisekise ukuba balandela iinkqubo zomthetho ezifanelekileyo ukuba bafuna ukubuyela eMzantsi Afrika kwixesha elizayo.
“Ukuba nifuna ukubuya, nibuya namaxwebhu afanelekileyo,” utshilo ethethanabeendaba ze-Algoa FM.
Ukwakhumbuze abakhweli ukuba bavunyelwe ibhegi enye kuphela kumntu ngamnye njengoko bekhwela iibhasi.
Nayiphi na imithwalo eyongezelelweyo kwakufuneka ilahlwe, nto leyo ethetha ukuba uninzi lweentsapho kwakufuneka zishiye izinto zazo ezininzi ngasemva.
Isithethi sikaMasipala uSithembiso Soyaya uqinisekisile ukuba abantu abangamashumi asixhenxe (70) bahambe ngeebhasi ezintathu ngoLwesithathu, nto leyo eyenza inani elipheleleyo labancediswe kwiziko lolawulo lweentlekele libe ngamakhulu amathathu anamashumi asixhenxe nesine (374).
“Iziko lokusebenza elidibeneyo laseNelson Mandela Bay lihlala liphaphile kwaye liyaqhubeka nokujonga imeko,” utshilo uSoyaya kwabeendaba ze Algoa FM. “Sibongoza bonke abemi ukuba baqhubeke nokungavumi ukoyikiswa kwaye basebenzisane ukugcina isixeko sethu sikhuselekile.”
Amagosa karhulumente wephondo athi iiarhente zomthetho, kuquka inkonzoyesipolisaoMzantsiAfrika, amapolisa asezidolophini kunye neeyunithi zolawulo lwemida, zisalindile njengoko inkqubo yokubuyisela abantu kwilizwe labo iqhubeka.
@AlgoaFM News

