By Buhle Nomgalasa.
ISithuthi sikaSekela Mongameli, uPaul Mashatile, kutyholwa ukuba sidutyulwe kwifestile yangaphambili ngethuba ephuma kwindibano yekomiti elawulayo ye-African National Congress (ANC) ka-Zwelonke (NEC).
Amapolisa aqinisekisile ukuba isithuthi sikaMongameli uPaul Mashatile sidutyulwe ngenyanga yoKwindla.
ISithuthi sikaSekela Mongameli sadutyulwa ngeembubulu kwifestile yangaphambili ngethuba ephuma kwiNdibano yeKomiti eLawulayo ye-African National Congress (ANC) kaZwelonke (NEC).
UMashatile uthe ekuqaleni, wayecinga ukuba ngamatye esi kodwa abakhuseli bakhe be-SAPS kamva bathi ifuthe lingaphezulu koko.
UMkomishinala wamaPolisa kuZwelonke uFanie Masemola, uqinisekisile ukuba ezi ziinzame zokubulala uMashatile emva kokudutyulwa kweqela lakhe.
Uthe ngoku amapolisa ayiqukumbele inxalenye yophando lwawo. ISithethi samaPolisa kuZwelonke u-Brigadiya Athlenda Mathe, uthe abaSebenzi bezoKhuseleko bakaSekela Mongameli kunye noMongameli Cyril Ramaphosa benyusiwe.
“I-Crime Intelligence nayo iyaqhubeka novavanyo lwarhoqo lwemingcipheko kunye nezoyikiso kumongameli kunye nosekela-mongameli. UNjengele Fannie Masemola uyaqinisekisa ukomelezwa kweenkcukacha zokhuseleko kuzo zombini iinqununu kwaye ukwavakalise umbulelo ngendlela amalungu e-PPS akhusela ngayo kwaye alusingatha ngayo ukhuseleko lwabo bobabini.”
IQela lophando elikwinqanaba eliphezulu labelwe ukuba lisebenze ngalo mba.