By Lelethu Sontsele
Amapolisa akwisithili saseO.R Tambo enza umsebenzi oncomekayo wokuqokelela izikhali ezinobungozi kwesi sithili.
Amapolisa athathe imipu elishumi elinesibini (12) aza abamba ishumi (10) ngenxa yokuba nemipu ngaphandle kwempepha-mvume ngethuba le-Operation Shanela e-OR Tambo kwiveki ephelileyo.
Impumelelo yeliphulo ebhaliwe phantsi isuka kumhla wesibini ukuya wethoba kule yoMsintsi inyanga. Kwelo xesha kwenziwe yoxinaniso engaphezu kweshumi (10) yoxinaniso. Kufunyenwe iimoto ezintathu (03) ezibiweyo, enye yazo ibibiwe eBrooklyn-kwiphondo laseRhawutini.
Kuye kwatyelelwa neendawo ezininzi ezigunyazisiweyo ezithengisa utywala kwaye ezinye ebezingawuthobeli uMthetho woTywala ziye zanikwa izaziso zokuthobela. Kwavalwa iishibhini ezintlanu ngenxa yokusebenza ngaphandle kwemphepha-mvume kwaye notywala bohluthwa.
Kwakhona kukho imisebenzi ephawulekayo eyenziwayo:
Iindawo zokuhlola izithuthi – 121
Imiqobo yendlela – 32
Inani labantu abasetshiweyo – 4 570
Iindawo ezihloliweyo ukuba ziyawuthobela na umthetho wokuthengisa utywala – 72.
UMkomishinala weSithili sase-OR Tambo, uMajor General Pumzile Cetyana uqhwabele izandla amalungu akhe ngokuqinisekisa ukuba luyaliwa ulwaphulo-mthetho kwaye kukho ukubonakala kwamapolisa ngakumbi kwiindawo ezishushu zesiThili.
“Siza kuqhubeka nale misebenzi ukuqinisekisa ukuba uluntu luziva lukhuselekile kwaye ngaxeshanye luphinda luthembeke kwiNkonzo, wongeze watsho uMaj Gen Cetyana.”

