*Ugwetywe izigwebo zobomi ezibini owabulala uCeba weWadi yaseMbhashe eGcuwa.*
Inkundla yengingqi yaseGcuwa imgwebe uThembinkosi Dyakophu (39) izigwebo ezimbini zobomi entolongweni ngokubulala uceba wewadi kamasipala waseMbhashe uMzikayise Saki (45) kunye nokudlwengula intombi awayethandana nayo ngomhla wamashumi amabini ananye(21) kweyeKhala ngo2023.
UCeba Saki, omele iAfrican National Congress (ANC) wafunyanwa ebhubhile kwidama elincinane kwindawo yaseNgxakaxha ngakuhola wendlela uN2 phakathi kweDutywa neGcuwa. Ukubulawa kwakhe kwabangela ukuba kuthelekelelwe injongo yezobupolitika.
UDyakophu kunye nomtshana kamfi oneminyaka engamashumi amathathu anesixhenxe (37) ubudala babanjwa bobabini ngosuku olunye, kodwa umtshana kamva wakhululwa ngenxa yobungqina obunganelanga.
Inkundla ive ukuba uSaki kunye nesinqandamathe sakhe esineminyaka engamashumi amabini anesibhozo (28) ubudala bagaxeleka ngamadoda amabini ngethuba begoduka bephuma kwithaveni yasekuhlaleni kwilali yaseKwarini. Aba bahlaseli babakrwitsha ngaphambi kokuba babarhuqele kwindawo evulekileyo apho bathe gqolo ukudlwengula inkosikazi phambi kweqabane lakhe. Emva kokuba bebulele uSaki, bafudusela eli bhinqa kwiindawo ezahlukeneyo baza baqhubeka nohlaselo.
Ngaxa lithile, iqabane likaDyakophu lemka ukuya kuthatha ikepusi awayeyiwisile. UDyakophu emva koko walibamba eli bhinqa kwindlu engenabantu kwada kwasa, apho walidlwengula izihlandlo ezininzi. Ngaphambi kokuba amkhulule, wathi uyamthanda ngendlela engaqhelekanga, wafuna iinkcukacha zakhe zikaFacebook, kwaye wamlumkisa ukuba angasebenzisi indlela ekufutshane nendawo ekubulaweni kuyo. Ixhoba labika le ntlungu ngoko nangoko emva kokuba lifikile ekhaya.
Amapolisa akhangele uDyakophu kumzi womhlobo wakhe okufutshane, apho wabanjwa khona esabukele iingcali zenzululwazi ezihlola ulwaphulo-mthetho,kumabonakude. Eli bhinqa lakwazi ukumchonga nakwiprofayile yakhe kaFacebook. Ngaphandle kokukhanyela kwakhe kunye nebango le-alibi, ubungqina be-forensic kunye nobungqina bemeko bumdibanise nolwaphulo-mthetho.
Ummangalelwa wakhe, nangona kunjalo, ukhululwe ngenxa yeziphumo ze-DNA ezingabonakaliyo kunye nokungabonakali kakuhle ngexesha lokuhlaselwa.
Ngokwandisa isigwebo, uMtshutshisi weNkundla yeNgingqi uWayne Ludick ubalule ukwenzakala okumandundu kwexhoba lodlwengulo, owabona ukubulawa kweqabane lakhe ngenkohlakalo ngeli lixa ligxothwa ngokuphindaphindiweyo.
Inkundla yaphinda yavuma ifuthe elibi kusapho lwexhoba, abahlobo kunye noluntu. Inkundla ayizange ifumane iimeko ezizodwa ezithethelela ukutenxa kwisigwebo esimiselweyo kwaye yabeka izigwebo ezibini zobomi ngokubulala nokudlwengula.

