19.3 C
King William's Town
Saturday, October 4, 2025

Amapolisa asePort Alfred aphanda amatyala okubulala.

Kudutyulwe kwabulawa abantu abathathu kunye nepolisa ngorhatya ngeCawe kwindawo yaseWesley-Bell nasePort Alfred.

Umkomishinala wephondo uNjengele Nomthetheleli Mene uyaqinisekisa ukuba kwenziwe uphando oluthe kratya malunga neziganeko ezikhokelele ekubulaweni kwabantu abathathu kuquka nepolisa ngorhatya lwangeCawe kwiziganeko ezilandelelanayo.

Ngokwengxelo yamapolisa kutyholwa ukuba ngeCawa ngokuhlwa, ngomhla wamashumi amabini anesithathu kweyeSilimela (23/06) 2024, ngentsimbi yesibhozo (20:00) ngelixa esemsebenzini uConstable oneminyaka engamashumi amathathu anesine (34) ubudala wamapolisa aseBell ungene kwindawo yentselo yaseWesley waze wanyanzela le ntombi ukuba imkhaphe baphume phandle.

Umzala walentombi uye walandela. Elipolisa kutyholwa ukuba liye ladubula laze labulala le ntombi, uSiviwe Ncanywa, oneminyaka engamashumi amabini anesithathu (23) kunye nomzala wakhe, uSiyabonga Malimani, oneminyaka engamashumi amathathu anesihlanu ubudala nobenqanda.

Ipolisa emva koko liye lahamba ngemoto.

Kutyholwa ukuba esi sihelegu sibangelwe sisikhwele.

Malunga nemizuzu elishumi elinesihlanu emva kwentsimbi yokuqala ekuseni (01:15) ngomhla we-24/06, ipolisa kuvakala ukuba liye lazidubula eMooifontein ePort Alfred.

Amapolisa asaqubeka nophando malunga namatyala okubulala.

By Ongeziwe Ntondini.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
19.3 ° C
19.3 °
19.3 °
44 %
3.3kmh
100 %
Sat
31 °
Sun
23 °
Mon
27 °
Tue
24 °
Wed
26 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks