Kufunyenwe komzimba wowasetyhini kunxweme lolwandle lwaseGqeberha.

Abacuphi baseHumewood eGqeberha bakhangela isizalwane sowasetyhini okubhaqwe umzimba wakhe eHobie Beach phakathi kwendawo yokutyela kunye neHappy Valley ngobusuku bangoMvulo umhla wamashumi amabini anesine (24) kweyeSilimela 2024.

Le nkosikazi kukholelwa ukuba ineminyaka engamashumi amathathu (30) ubudala, ebinenxeba elibonakalayo entloko, ekukholelwa ukuba lelokudutyulwa kompu.

Isithethi samapolisa uKapteni Andre Beetge uthi umzimba ubhaqwe ngentsimbi yesibhozo ebusuku.

Ngokutsho kukaBeetge, kwavulwa ityala lokubulala.

Eli bhinqa belinxibe itracksuit emnyama yeAdidas enemigca emhlophe ecaleni, ibhatyi yesikhumba emdaka, kunye neeteki ezimnyama zeAll-Star.

Nabani na onokuthi ancedise ekuchongeni lo mfazi uyabongozwa ukuba aqhagamshelane noDetective Constable Ridwaan Baatjies wesikhululo samapolisa saseHumewood ku-073 130 3018.

Abo banolwazi bangaqhagamshelana no-08600 10111 okanye batyelele isikhululo samapolisa esikufutshane nabo.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
broken clouds
34 ° C
34 °
34 °
33 %
3.2kmh
53 %
Fri
34 °
Sat
29 °
Sun
18 °
Mon
19 °
Tue
19 °

EZITHANDWAYO INDABA