12.5 C
King William's Town
Monday, October 6, 2025

Amapolisa aseZwelitsha akhangela uUnathi Hans ogityelwe ukubonwa kwiThaveni yaseQonce.

Amapolisa aseZwelitsha eQonce acela uncedo loluntu ukuze afumane ixhoba u-Unathi Hans (48) olahleke ngoMvulo kwiveki ephelileyo.

Ngokweenkcukacha ezikhutshwe ngamapolisa le ndoda ishiye ikhaya layo kwilali iTyhusha eQonce esingise emsebenzini edolophini kwisithuba sentsimbi yesithandathu ekuseni (06:00).

UKapteni uHazel Mqala wamapolisa aseQonce uthi ingxelo zibhence ukuba ugqityelwe ukubonwa kwindawo yentselo kwisithuba sentsimbi yesixhenxe ekuseni apho aqhele ukuthoba khona unxano. Kuvakala ukuba uthe usaphangela kodwa khange afike emsebenzini.

Ngethuba elahleka ebenxibe ihempe emhlophe nebhulukhwe emnyama, uyakhanya ngebala. Kuyabongozwa ukuba nabani na oneenkcukacha ngendawo akuyo okanye ngokulahleka kwakhe aqhagamshelane nomphandi wetyala uSergeant Mxhasa ku-079 496 5158 okanye 078 756 8772.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
12.5 ° C
12.5 °
12.5 °
89 %
1.1kmh
100 %
Mon
25 °
Tue
25 °
Wed
26 °
Thu
24 °
Fri
22 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks