UAzola Vanda uzibandakanye noMdantsane FM, ilizwi elitsha kulonomathotholo.

UMdantsane FM unemincili ngokubhengeza ukufika kuka-Azola Vanda, umsasazi onesiphiwo kumaza osasazo ozisa udlamko kuluntu lwaseMonti. Ngemvelaphi etyebileyo kunomathotholo, umabonwakude, kunye nomsebenzi welizwi, ukongezwa kukaVanda kuthembisa ukuvuselela amaza omoya kwesi sikhululo kunye nokubandakanya abaphulaphuli ngeendlela ezinentsingiselo.

UVanda oyinzalelwano yaseBhisho, eMpuma Kapa, uVanda waqala ukuthatha indawo ebalaseleyo ngo-2015 ngethuba iTruFM iyokukhangela abasasazi kwinkwubo yabo ethi-Tru Talent Search. Nangona engazange aphumelele, italente yakhe engenakuphikiswa yatsala umdla wabaphathi besikhululo, nto leyo eyakhokelela kwikhontrakthi eyathi yasungula umsebenzi wakhe kunomathotholo. Ukusukela ngoko, uye wasasazo kwinkqubo yasemvakwemini (Drive-Time), esebenzisana namagqala kanomathotholo, kungakhange kubekudala wangena kumabonwakude kunye nokuba ngumphathi nkqubo kwiminyhadala.

Umfanekiso: Umsasazi woMdantsane FM, Azola Vanda.

Phambi kokuba aye kuMdantsane FM, uVanda wayelilizwi eliqhelekileyo kunomathotholo i-Wild Coast FM, apho ebebhexesha inkqubo i-The Connect, inkqubo yasezinzulwini zobusuku neyaziwa ngomxholo ofundisayo nowonwabisayo. Uphinde wenza igalelo elibonakalayo ngenkqubo yakhe yedijithali (Podcast), i-HotTalk with Azola, ebibonisa iingxoxo ezinzulu neencoko nabantu abanempembelelo eMpuma Kapa.

Kwindima yakhe entsha, uVanda usingatha inkqubo ethi-Chill Sunday ukususela ngo-12:00 ukuya ku-15:00 rhoqo ngosuku lwangeCawa evekini, egxile kumculo wezothando (RnB) wakudala nokukhuthaza unxibelelwano nabaphulaphuli baseMdantsane FM.

“Ndichulumancile kakhulu ngokubuyela kunomathotholo kwaye ndiwongwe ngokuthi kongezwe igama lam kwisikhululo esinembali eninzi nesidume ngokukhulisa abasasazi abanesakhono kweli shishini,” utshilo.

UVanda onemfundo ye-Diploma kuLawulo loBudlelwane boLuntu (Public Relations Management) kunye nesidanga se-Bachelor of Technology in Journalism, emxhobisa ngesiseko esiluqilima kwiinzame zakhe zosasazo. Amava akhe ohlukeneyo abandakanya umsebenzi welizwi (Voice-over), ukubanguMphathi Nkqubo yemicimbi, kunye nokusebenza njengejaji yephaneli yophicotho lweetalente ezahlukeneyo, kubandakanya i-MTV Base.

Ebalisa ngokubuyela kwakhe kunomathotholo, uVanda uvakalise umdla wakhe, esithi, “Unomathotholo ubesoloko eluthando lwam lokuqala. Sisixhobo esinamandla esidibanisa, sifundise kwaye sonwabisa. Ukuba yinxalenye yoMdantsane FM lithuba elikhulu kum, njengoko ndisebenzisa amava am ekuncedeni uluntu lwam.”

Ubuntu bakhe obudlamkileyo kunye nokuqonda okunzulu imo yezosasazo kumenza ukuba abe yinxalenye ebalulekileyo kwesi sikhululo.

Kwiminyaka embalwa edlulileyo, uVanda wayejongene nemingeni yokuba ngumama, ephila ubomi ngaphandle komvuzo ozinzileyo ngelixa egqibezela imfundo yakhe kwaye ehlobisa izakhono zakhe.

Umfanekiso: Umsasazi woMdantsane FM, Azola Vanda.

“Owona mcelimngeni mkhulu ibikukungabikho komvuzo ozinzileyo phantse iminyaka emithathu. Bekunzima, kodwa ndikholelwa ukuba indenze ndomelela kwaye ndazimisela ukuphumelela,” udize ngelitshoyo.

Ngoku ulungelelanisa indima yakhe njengentatheli kunye nombhali weendaba e-Newskoop noxanduva lwakhe njengomama, uVanda ugxininise ukubaluleka kokubakhona ebomini babantwana bakhe. “Ngethamsanqa, ndisebenza ekhaya, ngoko ke abantwana bam basoloko bendibona ixesha elininzi. Ndiyathanda ukuba babone ukuxakeka kwam nendlela endisebenza nzima ngayo ukufikelela kumaphupha am,” utshilo.

Njengoko engena kuMdantsane FM, uVanda uzibona enegalelo kwinjongo yesi sikhululo yokuguqula ubomi ngomculo, imfundo, kunye nolonwabo.

“Enye yeenjongo endizithandayo ngoMdantsane FM njengoba isihloko sabo sisitsho “S’guqul’ uBomi” kukutshintsha ubomi babantu. Ndiyakholelwa ukuba oku kuhambelana nothando lwam lokudala umxholo owongeza ixabiso kubaphulaphuli,” ucacise watsho.

Ukujonga phambili, uVanda ukujonge ngamehlo abomvu ukukhula njengomntu kaNomathotholo kunye nemithombo yeendaba.

“Eyona nxalenye yandivuyisayo kukufunda ukuziqhelanisa, ukuguquguquka, nokukhula kwindawo yeendaba. Ndijonge phambili ekuqhubekeni nolu hambo,” uvale ngelo.

Abaphulaphuli banokunxibelelana no-Azola Vanda kumakhasi akhe ezonxibelelwano ukuze bafumane ukuhlaziywa kunye nokunxibelelana:

📌 Twitter: @IamAzolaVanda
📌 Facebook: Azola Vanda
📌 Instagram: @IamAzolaVanda

Ngokuzimisela kwakhe nokuzibophelela ekuzibandakanyeni noluntu, u-Azola Vanda uzimisele ukwenza ifuthe elibonakalayo kuMdantsane FM, esungula ixesha elitsha likanomathotholo wasekhaya.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
13.9 ° C
13.9 °
13.9 °
93 %
3kmh
0 %
Tue
14 °
Wed
32 °
Thu
32 °
Fri
33 °
Sat
22 °

EZITHANDWAYO INDABA