By Ayabonga Ntengu
INkonzo yesiPolisa yoMzantsi Afrika (SAPS) ifumene imipu yodidi oluphezulu ekukholelwa ukuba isetyenziswe kwisiganeko sokubulala abantu abalishumi elinesibhozo (18) eLusikisiki, eMpuma Kapa.
Namahlanje umhla weshumi elinesibhozo abarhanelwa abane bazakuvela enkundleni malunga nezityholo zokubulawa kwabantu abalishumi elinesibhozo (18) ngokumasikizi, eLusikisiki, eMpuma Kapa.
Amadoda amathathu kwamane abanjwe ePort Shepstone, kuNxweme oluseMzantsi KwaZulu-Natal, owesine waye wazinikela emapoliseni.
Ababini bokugqibela babanjwe eFlagstaff eMpuma Kapa kwaye bafunyenwe benemipu.
Amapolisa athi abarhanelwa bebesaqhwesha emva kweziganeko ezimasikizi zokubulawa kwabantu abalishumi elinesibhozo kwilali yaseNgobozana kwisithuba seeveki ezimbini ezidlulileyo.
Isithethi samaPolisa kuzwelonke uBrigadiya uAthlenda Mathe uthi imipu yodidi oluphezulu iye yathathwa kuvavanyo lweBallistics.
UMathe uthi, “Ngobukrelekrele nomsebenzi wobucuphi obucokisekileyo, imipu yodidi oluphezulu ifunyenwe ngokuhlwa kwangoLwesine. Kuquka imipu emithathu ezenzekelayo (Automatic) ye-AK47 kunye nesibini-ntathu se-Steyr Maxillary. Abanye abarhanelwa ababini baye babanjwa emva kokufunyanwa bephethe le mipu.”
Uphando lokuqala ludize ukuba le mipu isiwe kwenye indawo emva kokubulawa kwabantu.
Le mipu ifunyenweyo ithunyelwe kuvavanyo (ballistics tests) ukuze kubonwe ukuba yasetyenziswa na kubugebenga baseLusikisiki kwaye kuchongwe naziphi na ezinye izenzo zolwaphulo-mthetho enokunxulunyaniswa nazo.

