By Siphiwo Boqwana.
Athelekisiwe amaqela ebhola ekhatywayo kwiCAF Champions League kwisigaba samaqela asibhozo (8) okugqibela, lo msitho ububanjelwe e-Doha kwelase-Qatar emva kwemini izolo umhla wamashumi amabini (20) kweyoMdumba 2025, ngoLwesine ezintsukwini.
Mabini amaqela ebhola ekhatywayo oMzantsi Afrika athe afikelela kulomgama unamaqela asibhozo nebithelekiswa izolo. I-Sundowns izokwazi ukuqinisekisa ukuba iyagqithela phambili kumdlalo wokugqibela yaze yahlala kwindawo yesibini emva kweqela lase-Morocco i-AS FAR.
I-Pirates yona ibelelinye lamaqela adlale imidlalo ingakhange ibethwe kuluhlu lwayo. IPirates ithelekiswe neqela lase-Algeria i-MC Alger, yaze yona i-Sundowns yadityaniswa neqela lase-Tunisia i-Esperence, nelakhe laqeqeshwa ngumqeqeshi we-Sundowns, uMiguel Cordoso.
Umlenze wokuqala uzakudlalwa ngomhla wesibini (02) kwinyanga kaTshazimpunzi ze umlenze wesibini (2) udlalwe ngomhla wethoba (09) kwakuTshazimpunzi kulonyaka ka-2025.
IMamelodi Sundowns izakuqala idlale ekhaya phambi kokuba iyokugqibezela ekuhambeni kodwa yona i-Pirates izakundwendwela i-Alger phambi kokuba iyihlinzeke.
