Iqela elichasene nabafuduki abakweli lizwe ngokungekho mthethweni i-March and March lingene ezitalatweni zaseQonce eMpuma Koloni ngoLwesithathu umhlawamashumiamabini(20) kuCanzibe.
Amakhulu abaqhankqalazi abanomsindo badibene ndaweni-nye bethetha ngazwi linye ukuba iimbacu nabafudukeli kweli abangekho mthethweni mabaphume baphele kweli.
Ngexesha lalomngcelelw abaqhankqalazi bafune ukuvalwa kwamashishini arhanelwa ngokuthengisa iziyobisi kunye neminye imisebenzi engekho mthethweni.
Abaqhankqalazi bathi bakholelwa ukuba imingcelele yabo iza kuphumelela ekugqibeleni.
Kusenjalo abeendaba ze-eNCA ithethe neenkokheli zamashishini aphethwe ngabantu bamanye amazwe eQonce, kodwa uloyiko lwabagcina bethule, bexhalabile ngokugrogriswa nokugculelwa.

