21.2 C
King William's Town
Saturday, October 4, 2025

Athengiswe okwamagwinya ashushu amatikiti ombhoxo aphela.

Baninzi abalandeli abafe namthanyana kumdlalo ozayo wombhoxo eKapa.

Athengwe aphela amatikiti omdlalo wamabhokobhoko neqela lombhoxo laseNew Zealand, lamatikiti ethengwe onke aphela ngomhla weshumi elinethoba (19) kule inyanga yeSilimela ngoLwesithathu ezintsukwini.

Ngethuba abalandeli bombhoxo benikwe ithuba ukubonisa umdla, kubhalise umbo nomxesiba nalapho bebelinani elivisayo eliye labonakalisa umdla wokuthenga lamatikiti apho ibe ngabalandeli abalikhulu elinamashumi asixhenxe amawaka ababhalisileyo (170 000).

Baninzi abafe namthanyana kwababhalisileyo kuba ibala ekuzaku dlalelwa kulo lithwala abantu abangaphezulu nje kumashumi amahlanu anesibhozo amawaka (58 000). Lomdlalo uzakudlalwa ngomhla wesixhenxe (07) kwinyanga yoMsintsi kulonyaka ka2024.

Ukuthengiswa kwamatikiti aphele onke loonto ithetha ukuba ibala lombhoxo eKapa lizakube lizele limi ngeembambo. Izakube ingabantu abangamashumi amahlanu anesibhozo amawaka anamakhulu amane aneshumi elinesixhenxe (58 417) abazakube bebukele izitsibabhokhwe ziqubisana neeAll Blacks ngoMgqibelo umhla wesixhenxe (07) kweyoMsintsi inyanga kwiRugby Championships.

Lamatikiti ebeqala kumakhulu amabini anamashumi amahlanu (R250) erandi ukuya kumawaka amathathu anamakhulu amahlanu (R3500) amaxabiso.

Ukhumbule ukuba eliqela lombhoxo laseNew Zealand lizakuqala lidlale noMzantsi Afrika ngomhla wamashumi amathathu ananye (31) kwinyanga yeThupha ngoMgqibelo ezintsukwini eRhawutini kumabala I-Ellis Park phambi kokuba baqubisane eKapa.

Lomdlalo walamaqela mabini (2) yimpinda yamagqibela kankqoyi weNdebe yeHlabathi eyayibanjelwe eParis kwelaseFrance kunyaka ophelileyo nalapho izitsibabhokhwe zaphumelela lendebe yehlabathi isihlandlo sesithathu (3) esenza imbali ngokuzilinganisa nazo iiAll Blacks, apho uMzantsi waphumelela ngeshumi elinesibini kwishumi elinanye (12-11) lamanqaku kumdlalo owawunzima kakhulu kumagqibela kankqoyi.

Luthotho imidlalo ekulindeleke idlale yombhoxo kulesizini kulungiselelwa indebe yomhlaba ezayo.

By Siphiwo Boqwana

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
scattered clouds
21.2 ° C
21.2 °
21.2 °
62 %
2.4kmh
32 %
Sat
23 °
Sun
23 °
Mon
26 °
Tue
23 °
Wed
24 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks