12.6 C
King William's Town
Thursday, October 2, 2025

Ayifikanga igalelekile ivenkile entsha ethengisa amanzi anezakha-mzimba, i-Ancient Mineral Water, eMonti.

By Siphiwo Boqwana.

Ngomso umhla wamashumi amathathu (30) kulenyanga kaTshazimpuzi ngoLwesithathu, kuzakube kuphehlelelwa iNkampani yamanzi wempilo okokuqala ezimbalini.

Olu phehlelelo luzakuthabatha inxaxheba kudederhu lweevenkile lwase-Vincent i-Patcyn kwiNdlela i-Frere.

Namhlanje ke intatheli ye-EC Indaba iye yafumana udliwanondlebe nomnikazi wevenkile yamanzi, uKarel von Moltke, apho athe wabalisa malunga nemvelaphi, noncedo oluzuzwa ekuseleni la manzi, enye yezinto athe wasichubela zona uVon Moltke yimpilo yakhe eye yaphucuka ngenxa yalamanzi nabonakala esenza izinto zamehlo kwimpilo yoluntu loMzantsi Afrika jikelele nanjengoko enamashishini amanzi ingakumbi eRhawutini naseNtshona Koloni, njengoba ngoku evule enye ivenkile apha eMonti, kwiphondo leMpuma Kapa.

“La manzi ayimpilo kakhulu kunjalo nje aluncedo kumzimba womntu ngamnye, mna ndingumzekelo ophilayo kuba kuleminyaka engamashumi asixhenxe anesihlanu (75) ndisidla amazimba, ndiphile qete ndingumqabaqaba igqabi leviniga ngenxa yalamanzi, utyatyadule watsho uVon Moltke.

Eli shishini libizwa ngokuba yi-Ancient Mineral Water lize neendidi zamanzi asebenza ngeendlela ezohlukeneyo.

UKeril usezakuphinda avule elinye isebe la lamanzi ayimpilo kwalapha eMonti eBuffalo City kungentsuku zatywala kunjalo nje kulindeleke ukuba kuvulwe kwakhona naseQonce kwalapha kulomasipala, ukhumbule ukuba njengoko besenza uphehlelelo lwale venkile yamanzi ngomso apha eMonti eVincent, kuzakube kukho amaxabiso athotyiweyo nalapho kuzakube kuncedakala abafike kuqala njengoko kujongwe kumanani athile, nto leyo ethi abavuke mva bayakutyiwa zizagweba.

Kuninzi athe wakuveza umnini walamanzi aluncedo nalapho ekwavakalise ukuba onke amanzi athengiswayo naphuma kwiimpompo zethu amdaka kunjalo nje ayagulisa kakhulu, abantu baphelile zizifo ngezifo ezibulalayo ezinjenge-Cancer nesele igqugqisa nabantu abatsha kweli lizwe, oko kuvakaliswe ngu-Moltke noncede abaninzi ukuba bakwazi ukubeleka ngempumelelo ngenxa yalamanzi.

La manzi azokuphilisa abantu kunjalo nje azokubacoca ngaphakathi ekwazokunika ithuba lokususa ubumdaka obuze namanzi angacocekanga asuka empompeni nalawo aqhathiweyo ukucocwa kwawo nangona ethengiswa, wongeze watsho uVon Moltke ongusomashishini wamanzi kweli loMzantsi Afrika.

By Siphiwo Boqwana

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
12.6 ° C
12.6 °
12.6 °
79 %
6.8kmh
100 %
Thu
15 °
Fri
16 °
Sat
33 °
Sun
24 °
Mon
28 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks