21.9 C
King William's Town
Tuesday, November 4, 2025

Azakuthotywa amaxabiso e-petrol ne-diesel ukusukela ngomso (5/11)

By Esona Magawana

Ukusuka ngoLwesithathu, umhla we-5 KweyeNkanga 2025 amaxabiso epetroli kunye nedizili azakuthotywa kodwa umahluko awuzukuba mkhulu njengoko bekulindelekile, ngenxa yokunyuka kancinane kwamaxabiso e-oyile kumazwe ngamazwe ngasekupheleni kwenyanga yeDwarha.

Omabini amabanga epetroli azakuhla nge-51 eesenti ilitha, ngelixa idizili yona iza kuhla nge-19 cents (50ppm) kunye ne-21 cents (500ppm). Oku kuthetha ukuba abemi boMzantsi Afrika baya kuhlawula i-R20.29 ilitha ye-95 yepetroli ye-Unleaded ngaselunxwemeni kunye ne-R21.12 kwimimandla engaphakathi elizweni, apho i-93 Unleaded enexabiso eliphantsi iza kuthengisa malunga nama-R20.97.
Ixabiso le-holesale le-50ppm ledizili liyakwehla liye kutsho kwi-R18.42 elunxwemeni kunye ne-R19.18 phakathi kwelizwe.

Oku kuya kuzisa amaxabiso epetroli kwelona nqanaba lisezantsi kwisithuba nje esingangonyaka, kwaye kufutshane nokuhla kweminyaka emithathu.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
21.9 ° C
21.9 °
21.9 °
52 %
7.1kmh
96 %
Tue
20 °
Wed
24 °
Thu
16 °
Fri
22 °
Sat
31 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks