Amapolisa aphanda ngokubulawa kwlabantu abathathu (3) e-Ilitha

Amapolisa aphantsi phezulu akhangela ulwazi olunokukhokelela ekubanjweni kwabarhanelwa ababandakanyeka kwityala lokubulala  kunye nokuzama ukubulala okwenzeke kwingingqi yaseilLitha, kufuphi neQonce emvakwemini ngoMgqibelo, umhla wokuqala kuNovember 2025.

Amapolisa abizelwe kwindawo yesiganeko aze ekufikeni kwawo afumana amadoda amane aneminyaka engama-30 ubudala ehlaselwe ngolunya ngabahlali. Amadoda amabini (2) aqinisekisiwe ukuba afile kwindawo yesiganeko ngelixa amanye amaxhoba amabini ebalekiselwe esibhedlele esikufutshane ukuze afumane unyango kodwa omnye wabo waze wabhubhela esibhedlele. Ukanti ixhoba elisindileyo lisachacha esibhedlele.

Akukho mntu ubanjiweyo okwalogama, nangona kunjalo uphando luyaqhuba.

UMkomishinala obambeleyo ephondweni uMajor General Thandiswa Kupiso uzigxekile ezizenzo  zobundlobongela kwaye ubongoza amalungu oluntu ukuba asebenzisane namapolisa ekuqinisekiseni. Ukanti lo ka Kupiso uye  wawalumkisa ngelithi, abahlali bayacelwa bangazithatheli umthetho ezandleni zabo.

“Sinamagosa ophando anamava aza kuphanda aze ajongane nolwaphulo-mthetho ngeendlela zomthetho,” utshilo uMaj Gen Kupiso.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
light rain
23.6 ° C
23.6 °
23.6 °
73 %
3.9kmh
43 %
Fri
22 °
Sat
27 °
Sun
18 °
Mon
22 °
Tue
19 °

EZITHANDWAYO INDABA