By Esona Magawana
Ukusuka ngoLwesithathu, umhla we-5 KweyeNkanga 2025 amaxabiso epetroli kunye nedizili azakuthotywa kodwa umahluko awuzukuba mkhulu njengoko bekulindelekile, ngenxa yokunyuka kancinane kwamaxabiso e-oyile kumazwe ngamazwe ngasekupheleni kwenyanga yeDwarha.
Omabini amabanga epetroli azakuhla nge-51 eesenti ilitha, ngelixa idizili yona iza kuhla nge-19 cents (50ppm) kunye ne-21 cents (500ppm). Oku kuthetha ukuba abemi boMzantsi Afrika baya kuhlawula i-R20.29 ilitha ye-95 yepetroli ye-Unleaded ngaselunxwemeni kunye ne-R21.12 kwimimandla engaphakathi elizweni, apho i-93 Unleaded enexabiso eliphantsi iza kuthengisa malunga nama-R20.97.
Ixabiso le-holesale le-50ppm ledizili liyakwehla liye kutsho kwi-R18.42 elunxwemeni kunye ne-R19.18 phakathi kwelizwe.
Oku kuya kuzisa amaxabiso epetroli kwelona nqanaba lisezantsi kwisithuba nje esingangonyaka, kwaye kufutshane nokuhla kweminyaka emithathu.
