Home Iindaba AZI UMNTWANA WONE BANI DE ATSHISWE ESAZE NGOBUSO

AZI UMNTWANA WONE BANI DE ATSHISWE ESAZE NGOBUSO

Lenyanga iphela usapho lakwaLucas luphiwe igama elitsha lokuba ngabazili. Oku kuza emva ngokuba intombazana yabo uTezlin Lucas oneminyaka esibhozo, nobesenza ibanga lesibini (grade 2) kwisikolo samabanga aphantsi saseWalmer ethe walahleka ngomhla wamashumi amabini ananye ze kwafunyanwa umzimba ngomhla wamashumi amabini anesine kule yeKhala kude kufutshane kunekhaya lakhe kwibhodlo elingahlali bantu.

Ngokwengxelo umzimba walentwazana ufunyenwe kwingingqi yaseMarikana eGqeberha, amapolisa angqinile ukuba umzimba kaTezline ubutshile kanobom nto leyo eyenze kubenzima ukuba usapho lukwazi ukufanisa. Amapolisa aphanda ityala lokubulala kodwa akukabanjwa mntu.

Exit mobile version
Enable Notifications OK No thanks