By Asemahle Mbete.
Abahlali abathathu baseGqeberha bangeniswe esibhedlele ngentsasa yangoLwesibini emva kwengozi yemoto yabo kwibhulorho iKloof.
INgqonyela yezeNdlela kuMasipala iNelson Mandela Bay uWarren Prins uthi sinye kuphela isithuthi esithe sabandakanyeka kule ngozi.
“Kurhaneleka ukuba isithuthi besihamba sisehlisa iTarget Kloof, waze umqhubi wohluleka ukuyilawula, wabetha umqobo waphelela emanzini.
“Umntu omnye usiwe kwisibhedlele iLivingstone yi-Metro Ambulance ze ababini bathathwa yiGardmed Ambulance basiwa kwiSibhedlele iSt George’s.”
Ngokwengxelo engekaqinisekiswa, le moto ibiqhutywa yindoda ebithatha oonyana bayo ababini esikolweni.