Kubanjwe umrhanelwa oneminyaka engamashumi amabini anesibhozo ubudala enompu ongenampepha.

By Asipile Kitchen.

IQela leSithili sase-OR Tambo, elisebenza ukusuka eSajonisi ukuya eFlagstaff, libambe umrhanelwa oneminyaka engamashumi amabini anesibhozo (28) ubudala ngeCawe umhla wamashumi amabini anesihlanu (25) kuCanzibe 2025 malunga nemizuzu engamashumi amane emveni kwentsimbi yamashumi amabini (20:40) ngokufunyanwa nompu ongekho mthethweni we-9mm oneembumbulu.

Oku kubanjwa kwenzeke ngethuba kuvaliwe uhola wendlela uR61 phakathi kweLusikisiki neSajonisi.

Ekuhanjisweni kwenombolo yesazisi sompu, kwafunyaniswa ukuba iyanyaniswa netyala elibikwe kwiSikhululo samaPolisa eMgungundlovu KwaZulu-Natal. UMpu uya kuvavanywa ukuze kubonwe ukuba ngaba ukhe wasetyenziswa na kuzo naziphi na izenzo zolwaphulo-mthetho.

Umrhanelwa ubekwe ityala lokufunyanwa nompu kunye neembumbulu ngaphandle kwelayisenisi. Uvele phambi kweNkundla kaMantyi eLusikisiki ngoMvulo, umhla wamashumi amabini anesithandathu (26) kuCanzibe 2025, apho ethe wafumana ibheyile. Ityala lihlehliselwe umhla weshumi elinesithathu (13) kweyeDwarha 2025 ukuze kuqhutyekwe nophando.

UMkomishinala weSithili sase-OR Tambo, uMajor General Norman Modishana, uncome amagosa asebupoliseni ngokuzinikela nokuzibophelela ekulweni ulwaphulo-mthetho nokubuyisela imipu engekho mthethweni, esoloko isetyenziswa kulwaphulo-mthetho olumandundu nolunobundlobongela.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
light rain
20.1 ° C
20.1 °
20.1 °
92 %
1.9kmh
99 %
Sat
27 °
Sun
18 °
Mon
21 °
Tue
18 °
Wed
28 °

EZITHANDWAYO INDABA