20.1 C
King William's Town
Thursday, October 30, 2025

Basahlala ethafeni abahlali bagxothwe ziRed Ants eReeston

By Sophumelela Singqotha

Kwisiganeko sakutshanje esehle kwingingqi yaseChicken Farm, iintsapho ezininzi ziye zagxothwa kwizindlu ebabehlala kuzo ngokungekho mthethweni. Aba bahlali yayingengobanini bafanelekileyo bala makhaya, nto leyo eyakhokelela ekubeni bagxothwe ngoorhulumente basekuhlaleni. Baye bathenjiswa ngu masipala waseBuffalo City (BCM) ngezindlu zethutyana.

Nangona kunjalo, ngoku sele kudlule iiveki ezimbini bekhutshiwe, kwaye abo bachaphazelekayo basahlala ngaphandle ethafeni. Impahla zendlu ziphandle, bajamelene nemozulu embi nokungakhuseleki. Le meko ibangele unxunguphalo olukhulu kwiintsapho, ngakumbi kubantwana kunye namalungu asele ekhulile, asokolayo ngaphandle kwendawo yokuhlala efanelekileyo.

Uluntu luhlaba ikhwelo kwiBCM ukuba ifezekise isithembiso sayo kwaye ibonelele ngokungxamisekileyo izindlu zethutyana kwiintsapho ezigxothiweyo. Abaninzi baziva bengahoywanga yaye belahliwe, njengoko belindele uncedo olungekafiki. Oku kulibaziseka kuphakamisa imibuzo malunga nocwangciso lukamasipala kunye neempendulo kwimiba yezindlu kulo mmandla.

Abahlali bafuna kuthathwe amanyathelo akhawulezileyo ukukhusela amalungelo kunye nesidima sabo. Ukubabonelela ngekhusi elikhuselekileyo kuya kuba linyathelo elibhekiselele ekubuyiseleni ithemba labo nozinzo emva kwale nkqubo inzima yokugxothwa.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
scattered clouds
20.1 ° C
20.1 °
20.1 °
58 %
3.6kmh
37 %
Thu
21 °
Fri
34 °
Sat
22 °
Sun
23 °
Mon
32 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks