By Nyameka Lamani
Amapolisa athimbe malunga namashumi amabini(R20M) ezigidi zeerandi zeziyobisi(cocaine) kwindawo eseBlue Hills, eMidrand apho babambe khona indoda enamashumi amahlanu anesithandathu (56) ubudala, ekukholelwa ukuba ngumnikazi wale ndawo.Aqhube ugqogqo ngorhatya lwangomhla wamashumi amabini anesibhozo(28) kweyeDwarha ka 2025, emva kokufumana ulwazi malunga nokugcinwa kweziyobisi kwindawo leyo.
Bafumene iipakethe ezininzi ezitywiniweyo zeziyobisi(cocaine) ezifihliweyo. Umrhanelwa uza kujongana nezityholo zokuba neziyobisi kunye nokuzithengisa kwinkundla kamantyi yaseMidrand ekupheleni kwale veki.
UBrigadiya uAthlenda Mathe ophuma kwinkonzo yesipolisa yoMzantsi Afrika ugxininise ukuba eli phulo liyinxalenye yeenzame eziqhubekayo zokulwa ukuthengiswa kweziyobisi nokuqinisekisa ukhuseleko loluntu. Uphando olongezelelweyo lusaqhuba ukukhangela imvelaphi yechiza kunye naluphi na unxulumano umrhanelwa anokuba nalo kuthungelwano olubanzi lokurhweba ngokungekho mthethweni.

