I-ACTIONSA ITHI ZOKUFAKA AMATYALA OKULWAPHULO-MTHETHO NGOKUMANGALELA U-RAMAPHOSA

I-ActionSA ithi iza kufaka amatyala olwaphulo-mthetho kuMongameli uCyril Ramaphosa ngoLwesithathu umhlaweshumi elinesithathu (13) kuCanzibe.

Iqela lithe la matyala aza kuba kukwaphulwa koMthetho wokuThintela nokuLwa neMicimbi yoRhwaphilizo, ukufunga ubuxoki, ubuqhetseba kunye nokwenza iingxelo zobuxoki emapoliseni.

Oku kuthethwe ngokubhekiselele kwiingxelo zamva nje zeendaba ezibonisa ukuba uRamaphosa akakwazanga ukutyhila isixa esichanekileyo esibiweyo kwisofa kwifama yakhe iPhala Phala eLimpopo.

Iingxelo zamva nje zeendaba zibonise ukuba isixa esibiweyo ngo-2020 yayiyi-R15 yezigidi kwaye asiyiyo i-R10 yezigidi ezityhilwe ngaphambili.

“Siza kuqhubeka nokulandela uxanduva ngazo zonke iindlela ezikhoyo zomgaqo-siseko ukuqinisekisa ukuba akukho mntu, kuquka noMongameli ongaphezulu komthetho,” itshilo i-ActionSA kwingxelo.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
17.2 ° C
17.2 °
17.2 °
62 %
6.7kmh
89 %
Wed
20 °
Thu
19 °
Fri
21 °
Sat
23 °
Sun
28 °

EZITHANDWAYO INDABA