I-ATM Imemelela ukuba akhululwe ngokukhawuleza UNkosi Mandla Mandela kunye namatshantliziyo asixhenxe oMzantsi Afrika abanjwe nawo yimikhosi yakwaSirayeli.
Oku kungenxa yevidiyo enxunguphalisayo ekhutshwe nguNkosi Mandla Mandela ecela uncedo kuba amaSirayeli ebengenelela ukubabamba. ATM ihlaba ikhwelo kwaSirayeli isithi makakhululwe umzukulwana ka Nelson Mandela ngokukhawuleza kwaye umemelela urhulumente woMzantsi Africa ukuba athathe amanyathelo akhawulezileyo ngalenyewe.
UNkosi Mandla Mandela kunye noogxa bakhe bebesenza umsebenzi wokunceda uluntu eGaza oluchatshazelwe ziimfazwe ezigqubayo kulammandla.
Okothusayo kukuba, uqikelelo lubonisa ukuba ngamashumi asibhozo ekhulwini (80%)umyinge wabantu abamsulwa ababhubhileyo, uninzi ingamanina nabantwana.
Ngoko ke i-ATM ibongoza abemi boMzantsi Afrika ukuba bathi xha ukuxhasa ushishino lwezinto zesizwe sakwaSirayeli ukuze elilizwe luluve ulwamvila lokuxhaphaza abantu abangenatyala.