I-ATM izakusingatha iRali eFlagstaff

Iqela lezopolitiko i-ATM inebhongo ngokubhengeza umsitho ozayo womqulu wezithembiso kunye nomsitho wokunikezela ngendlu, ocwangciselwe ukuba ngomhla weshumi elinesibhozo (18) kuCanzibe ku2024 kwilali yaseSiphaqeni eFlagstaff eMpuma Koloni.

I-ATM ithi le rali yommandla ibaluleke ngokukodwa njengoko ingasayi kusebenza njengeqonga lokugayela inkxaso yombono wayo wenguqu nenkqubo kodwa iya kuba nenyathelo elikhethekileyo elijolise ekwenzeni umahluko obonakalayo kubomi bamalungu oluntu.

Umongameli walombutho uVuyo Zungula kunye neenkokheli zeATM bachonge ikhaya elinomntwana ohlala phantsi kweemeko ezingentlanga kulelali. Ukusabela kwingxaki yabo, i-ATM ithi iye yamkele eli khaya ukuba iqalise ukwakhiwa kwendlu entsha kunye nefenitshala yokubonelela usapho indawo yokuhlala enesidima.

“Umsitho wokunikezelwa kweNdlu iya kuba yeyona nto iphambili kwiRali yeNgingqi yaseFlagstaff, ibonisa ukuzinikela kwee-ATM ekuphakamiseni nasekuxhobiseni amalungu oluntu abuthathaka. Eli nyathelo ligxininisa isimilo seqela sovelwano, umanyano kunye nesenzo esinentsingiselo” itshilo i ATM kwingxelo yayo

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
broken clouds
17 ° C
17 °
17 °
95 %
2.7kmh
58 %
Mon
17 °
Tue
32 °
Wed
22 °
Thu
29 °
Fri
30 °

EZITHANDWAYO INDABA