I-DA ihlaba ikhwelo lokuba iqwalaselwe ngokutsha ingxowa-mali ye-R100 bhiliyoni yotshintsho kushishino lwabantsundu.

By Lilitha Phenduka.

Kule minyaka ingamashumi amathathu idlulileyo, iingxowa-mali ezahlukeneyo ezijolise ekuxhaseni ushishino lwabantsundu aziphumelelanga ekuqhubeni ukukhula koqoqosho.

Ukusukela oko kwakhutshwa uxwebhu lwengxowa-mali yotshintsho nguMphathiswa wezoRhwebo, uShishino, kunye noKhuphiswano (DTIC) uParks Tau ukuze uluntu luhlomle, abahlalutyi bahlalutye, kunye neenkokheli zoshishino, basaxoxa ukuba le ngxowa-mali icetywayo ikukuhlengahlengiswa kweenkqubo zakudala ezingaphumelelanga.

Oku kuza emva kokuba uMongameli Cyril Ramaphosa ephakamise ikhulu (R100) lebhiliyoni zeerandi kwingxowa-mali yotshintsho kwintetho yakhe engobume besizwe kwaye ukuba isixa-mali sibalwa ngeentsuku zokusebenza, urhulumente kufuneka abonelele la mashishini ngamashumi asibhozo (R80) ezigidi zeerandi ngosuku.

UMphathiswa uTau Parks udize ukuba balindele ukuba iR100 yeebhiliyoni zeerandi idityaniswe kweli xesha leenzame ezihlangeneyo ngurhulumente ebambisene namashishini abucala watsho esithi bakwiphulo lokuguqula uqoqosho njengoko bekhokelwa sisicwangciso-ngqiqo sika-2030 wesicwangciso sophuhliso sesizwe, esikukuphelisa intlupheko nokunciphisa ukungalingani.

“Kuneendawo ezingekabinazo izindlu zesibonelelo, amanzi, iindlela kodwa urhulumente wenza ngolu hlobo. Ndicinga ukuba yonke lento yindlela nje yokufuna urhwaphiliza, kucacile ikhona imali kodwa urhulumente akafuni kuyisebenzisa kakuhle,’’ utshilo uNeziswa Blai.

UToby Chance isithethi se-Democratic Alliance (DA) kuRhwebo, uShishino kunye noKhuphiswano uthe endaweni yokusungula enye ingxowa-mali ecwangciswe kakubi uMphathiswa kufuneka aqalise uphononongo olucokisekileyo kwi-B-BBEE

“UMphathiswa kufuneka aqalise uphononongo olucokisekileyo kuXhotyiso oluBanzi lwabaMnyama kwezoQoqosho (B-BBEE), eyona mpembelelo yayo, kunye nokuba ufikelelo lwenkxaso-mali lungena njani kwimfuno ebanzi yohlengahlengiso lolawulo kunye nemeko-bume elungele ushishino.”

UChance ukwathe, olu xwebhu lukhankanya intsebenziswano kunye necandelo labucala ngaphandle kokuchaza ukuba luza kusebenza njani. Ekuphela kweenkcukacha ezibambekayo kukuba iBhodi yaBalawuli iyakusekwa kunye nabameli ababini becandelo labucala abatyunjwe nguMphathiswa.

Uxwebhu lweNgcaciso luphose ithuba lokujongana nemiba ebalulekileyo ekufuneka i-DTIC igxile kuyo.

“Kutheni i-70% yamashishini isilela kwisithuba seminyaka emihlanu? Kutheni le nto ii-arhente zenkxaso-mali zikarhulumente ezifana neNgxowa-mali yoXhotyiso lweSizwe (i-NEF) kunye ne-Arhente yoPhuhliso lwamaShishini amaNcinci zibika ukusilela kwemali-mboleko ukusuka kwi-25% ukuya kuma-60%?’’ ubuzile uChance.

I-DA ilungiselela impendulo ethe kratya kwikhwelo likaMphathiswa uTau lokuba ahlomle, nezakungeniswa phambi komhla wesixhenxe (7) kuCanzibe 2025.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
broken clouds
34 ° C
34 °
34 °
33 %
3.2kmh
53 %
Fri
34 °
Sat
29 °
Sun
18 °
Mon
19 °
Tue
19 °

EZITHANDWAYO INDABA