Kuqalise ngokusesikweni ukusebenzisana kwamapolisa namajoni

Umngcelele odibeneyo wenkonzo yesipolisa oMzantsi Africa (SAPS) kunye noMkhosi woKhuselo weSizwe waseMzantsi Afrika (SANDF) eGqeberha ngoLwesine umhla wesibini (2) kuTshazimpunzi uphawule ukuqaliswa kwe-Operation Prosper. IKhomishinala yePhondo laseMpuma Koloni, uLieutenant General Vuyisile Ncata, ubhengeze ukuba kuthunyelwe amalungu angamakhulu amabini anamashumi asithoba (290) ukuxhasa inkonzo yesipolisa oMzantsi Africa kude kube yinyanga yoKwindla ka-2027.

Iindawo ekujoliswe kuzo ziquka iGelvandale, iChetty, kunye neKamesh eNelson Mandela Bay, kunye neHumansdorp kunye neJeffreys Bay kwiSithili saseSarah Baartman. Lo msebenzi ugxile kuthungelwano lweziyobisi, izixhobo zomlilo ezingekho mthethweni, amaqela okuphanga, kunye nakwabo bangcungcuthekisa uluntu ngokubanzi.

“Lo msebenzi umalunga nokubuyisela uxolo nesidima kuluntu,” utshilo uLt Gen Ncata. Inkonzo yesipolisa ihlala iyi-arhente ekhokelayo, Umkhosi woKhuselo weSizwe waseMzantsi Afrika ingumphindaphindi wamandla, isebenza ngokungqongqo ngaphakathi komthetho kunye nentlonipho yamalungelo oluntu.

Uluntu luyacelwa ukuba lusebenzisane namapolisa kwaye lugatye ubulungisa beqela labantu. Ukulandela ukuqhelaniswa neendawo ezizi (Hotspot ) zolwaphulo-mthetho eziquka iGelvandale, iHelenvale, kunye neChetty, imisebenzi iya kuqala ukususela ngomhla wesithathu (03) kuTshazimpunzi 2026 ukuya kumhla wamashumi amathathu ananye (31) kweyoKwindla ka-2027.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
22.3 ° C
22.3 °
22.3 °
81 %
2.4kmh
100 %
Thu
22 °
Fri
35 °
Sat
25 °
Sun
19 °
Mon
19 °

EZITHANDWAYO INDABA