I-EFF icela uhlaziyo malunga nophando lobuqhetseba bezemfundo eFort Hare

Iqela lezopolitiko i-Economic Freedom Fighters (EFF) ibhalele uMongameli uCyril Ramaphosa, icela uhlaziyo malunga nophando lobuqhetseba bezemfundo kwiYunivesithi yaseFort Hare.

Iqela lithi lixhalabe kakhulu ngokulibaziseka okude ekugqityweni kophando, ingakumbi olo lubandakanya iinkokheli ze-African National Congress (ANC) eziphezulu.

Oku kuquka iNkulumbuso yaseMpuma Koloni uOscar Mabuyane, iMeya yeSixeko saseBuffalo, uPrincess Faku, kunye neLungu lePalamente le-ANC, uNoxolo Kiviet.

I-EFF ithi iCandelo eliPhando eliKhethekileyo lifumanise ukuba uMabuyane ubhalisele isidanga se-masters ngokungekho mthethweni.

Inkokeli ye-EFF uJulius Malema uthethe namalungu eqela ngaphandle kweNkundla yeSithili yeSixeko saseKuGompo ngoLweine umhla weshumi elinesithandathu (16) kuTshazimpunzi, egxininisa ukuba uMabuyane ufumene iziqinisekiso zakhe ngobuqhetseba.

UMabuyane ukhuphe ingxelo ngoko nangoko, esithi uyalele amagqwetha akhe ukuba amangalele uMalema ngokumngcolisa igama.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
20.5 ° C
20.5 °
20.5 °
28 %
7.4kmh
4 %
Mon
21 °
Tue
24 °
Wed
19 °
Thu
22 °
Fri
30 °

EZITHANDWAYO INDABA