Umrhanelwa oneminyaka engamashumi amabini anesibhozo (28) ubudala wakwilali yaseRainy , eNyandeni, eLibode eMpuma Koloni, ubanjwe ngamapolisa aseLibode ngokubulala intombi yakhe eneminyaka engamashumi amabini anesithoba (29) ubudala. Esi siganeko kukholelwa ukuba senzeke phakathi koLwesihlanu, umhla weshumi elinesixhenxe (17) kuTshazimpunzi, nangoMgqibelo, umhla weshumi elinesibhozo (18) kuTshazimpunzi ka-2026.
Amapolisa axelelwe ngokubulala ngoMgqibelo kusasa malunga nentsimbi yokuala (01:00) ekuzeni kusa. Kuthiwa umrhanelwa ubulale intombi yakhe kwindawo engaziwayo waza wayingcwaba engcwabeni elingekho nzulu kwindawo efihlakeleyo. Emva kokunyamalala kwexhoba, umrhanelwa, ongumntu wokugqibela ukubonwa naye, waqhagamshelwa ngefowuni zizalamane ezichaphazelekayo, ezathi zafuna ukuba ayibuyisele. Iingxelo zidiza ukuba wawukhupha umzimba waza wawubuyisela ekhayeni lakhe ewuqhuba ngekiriva ngaphambi kokuba amapolisa aziswe.
Kufunyenwe isivumo esisemthethweni, apho umrhanelwa wavuma ukubulala kunye nokungcwatywa okulandelayo. Kulindeleke ukuba umrhanelwa avele phambi kwenkundla kaMantyi waseLibode ngoMvulo, umhla wamashumi amabini (20) kuTshazimpunzi
ngetyala lokubulala.

